30 yingonyama, igorha phakathi kwezilwanyana,yona ingahlehliyo nakweyiphi na into;
31 ngumqhagi ondolosayo;yinkunzi yebhokhwe;ngukumkani ephahlwe ngumkhosi wakhe.
32 Ukuba wenze izinto zobudenge waziphakamisa,okanye ukuba uthe waceba ububi,khawuthi xha!
33 Wakulucofa ucwambu kuvela ibhotolo,wakuyixhimfa impumlo isuka yophe,wakuxhokonxa umsindo kugqabhuka imbambano.