7 Kaloku bona bakusela bayabulibala ubuhlwempu babo,bangabi sazikhumbula neengxaki zabo.
8 “Thetha ubamele abantu abangakwaziyo ukuzithethelela;ncedisana nabo uwakhusele amalungelo eendwayinge.
9 Bamele ubabonelele ngokwasemthethweni;ncedisana nabo abahlelelekileyo nabasweleyo.”
10 Awu, akanqabe ngako umfazi onesidima!Lingaphezulu lee nakumatye anqabileyo ixabiso lakhe!
11 Onjalo uthenjiwe mpela yindoda yakhe,futhi ke ayihlelelekanga nganto.
12 Uyiphatha kakuhle, kungabi kakubi,yonke imihla yobomi bakhe.
13 Uthatha umqhaphu newulu,asebenze ngenkuthalo ngezandla zakhe.