1 Yiphulaphuleni, bonyana, ingqeqesho kayihlo;yigqaleni, khon' ukuze nizuze ukuqonda.
2 Ndininika eyona mfundiso iyiyo,ngoko ke musani ukuwutyeshela umyalelo wam.
3 Ngokuya ndandiseyinkwenkwana katata,ndiselula, ndinguyedwa kamama,
4 utata wayendiyala athi:“Wazikise engqondweni yakho amazwi am,ungayilibali imiyalelo yam;yigcine imithetho yam, uphile.
5 Thabatha, nabu ubulumko, nantsi ingqiqo!Ungaze wahlukane okanye ushenxe kumazwi omlomo wam!
6 Ungaze ubushiye ubulumko, ke bona buya kukulondoloza.Thandana nabo, khon' ukuze bukukhusele.