10 Phulaphula, nyana wam, uwathathele ingqalelo amazwi am,uze udle ubomi iminyaka emininzi.
11 Mna ngokwam ndikufundisile ubulumko,ndakukhokelela endleleni ethe ngqo.
12 Xa uhamba, ukunyathela kwakho akuyi kuphazanyiswa,ngokunjalo naxa ubaleka akuyi kukhubeka.
13 Ungaze wahlukane nengqeqesho, koko bambelela kuyo;yilondoloze, kuba ibubomi bakho.
14 Musa ukuhambisana nabantu abakhohlakeleyo,ungahambi nasekhondweni labenzi bobubi.
15 Ewe, ndithi zicezele iindlela zabo, ungahambi ngazo.Shenxa kuzo, uhambe uzigqithe.
16 Kaloku izikhohlakali azaneli kukulala zingenzanga nto imbi.Ewe, ziphuthelwa ubusuku bonke, zide zibe zenzakalise umntu.