16 Kaloku izikhohlakali azaneli kukulala zingenzanga nto imbi.Ewe, ziphuthelwa ubusuku bonke, zide zibe zenzakalise umntu.
17 Kaloku inkohlakalo sisonka abasidlayo;ubundlobongela yiwayini abayiselayo.
18 Ke yona indlela yamalungisa ifana nemitha yokusa,yona iya iqaqamba ngokuqaqamba de ibe yimini epheleleyo.
19 Kambe ke zona iindlela zabakhohlakeleyo zingumnyam' ombonde-mbonde.Naxa bekhubeka abayazi into abakhubeka kuyo.
20 Ke wena, mfo wam, wagqale amazwi am,uyibazele iindlebe into endikuxelela yona.
21 Amazwi am makangacimi emehlweni akho,koko wamilisele phakathi entliziyweni yakho.
22 Ewe, abubomi kwabo bawafumeneyo;ayimpilo kumzimba xa uwonke.