18 Ke yona indlela yamalungisa ifana nemitha yokusa,yona iya iqaqamba ngokuqaqamba de ibe yimini epheleleyo.
19 Kambe ke zona iindlela zabakhohlakeleyo zingumnyam' ombonde-mbonde.Naxa bekhubeka abayazi into abakhubeka kuyo.
20 Ke wena, mfo wam, wagqale amazwi am,uyibazele iindlebe into endikuxelela yona.
21 Amazwi am makangacimi emehlweni akho,koko wamilisele phakathi entliziyweni yakho.
22 Ewe, abubomi kwabo bawafumeneyo;ayimpilo kumzimba xa uwonke.
23 Eyona nto emawuyilondoloze ngaphezu kwazo zonke ezinye yintliziyo yakho,kuba yona ingumthombo wobomi.
24 Mabungabikho ubuxoki emlonyeni wakho,nentetho ekhohlisayo ibe kude lee emilebeni yakho.