5 Kaloku iinyawo zakhe zisinga ekufeni;ukunyathela kwakhe kubheka ngqo engcwabeni.
6 Uyakuwexula kwindlela eyeyobomi;ube wena ungayazi loo nto.
7 Ngoko ke, bonyana, ndiphulaphuleni,ningashenxi koko ndinixelela kona.
8 Ewe, ndithi mcezeleni umfazi onjalo,ningasondeli nasemnyango wendlu yakhe,
9 hleze amandla enu axhatshazwe ngabanye,niyinike isikhohlakali iminyaka yenu.
10 Ewe, xa ningeva ikamva lenu liya kuxhanyulwa ngabasemzini,zize zona izinto eniziqwebileyo zibe sisisulu seentlanga.
11 Ekugqibeleni ke yoba ziincwina zodwa ugcuma,ube wona umzimba wakho uvuthuluka nezihlunu zawo.