1 Mfo wam, wagcine amazwi am,uyimilisele kuwe imiyalelo yam.
2 Ukuba uyayilandela imimiselo yam uya kubudla ubomi.Ewe, imfundiso yam yilondoloze njengokhozo lweliso lakho.
3 Imiyalelo yam zikhumbuze ngayo ngokungathi ibotshelelwe eminweni yakho,ihlale ibhaliwe engqondweni yakho.
4 Yithi kubulumko: “Wena ungudade wethu,”kwingqiqo uthi: “Wena ungumwethu.”
5 Xa kunjalo ke uya kusinda kumfazi okrexezayo,ungabi nakufumaneka kumfazi wasemzini okulalanisayo ngamazwi.