4 Yithi kubulumko: “Wena ungudade wethu,”kwingqiqo uthi: “Wena ungumwethu.”
5 Xa kunjalo ke uya kusinda kumfazi okrexezayo,ungabi nakufumaneka kumfazi wasemzini okulalanisayo ngamazwi.
6 Ndikrobe ngefestile yendlu yam,ndalunguza ndingasemva kwenqwanqwa,
7 ndabona abafana abaswele ukuqonda,phakathi kwabo ndaqaphela omnye osisityhakala.
8 Wahamba ke esitalatweni apho,waya kubhijela ngekona ngasendlwini yomfazi othile.
9 Ngelo xesha ke kwakungongcwalazi, imini seyisangene,ubusuku nobumnyama sebunkqonkqoza.
10 Nâko ke kusithi gqi umfazi emkhawulela,ethe wambu ezobuhenyukazi, eneenjongo ezigwenxa.