1 Yivani, nâbo ubulumko bumemeza!Nayo ingqiqo nantso izazisa.
2 Kaloku bumi ngasezindleleni phezu kweentaba;ewe, nabu buthe bhunxe eziphambukeni zeendlela.
3 Nabo bungxang' emasangweni edolophu;ewe, buyamemelela ekungeneni esixekweni:
4 “Hoyina, ndibhenela kuni, nina nonke luntu;ndiyanibiza nani, nzala yakwantu.