15 Ewe, oozikumkani balawula ngam,neziphathamandla zilawula ngobulungisa nje ndim.
16 Bonke abasemagunyeni bancedwa ndim lo:oomatshawe, noozikhulu, nabagwebi ngokwabo.
17 Kaloku ndiyabathanda abo bandithandayo,futhi ndiyafumaneka kwabo bandifunayo.
18 Ndibathi jize ngesihomo nendyebo,batsho babe nobutyebi obuzinzileyo nenkqubela.
19 Inzala engenxa yam ingaphezu kwayo negolide;imveliso yam iyayibetha neyona siliva.
20 Ihambo yam bubulungisa bodwa;iindlela zam zifanelekile.
21 Ubutyebi lilifa endibanikayo abo bandithandayo;ndibathi jize ngoovimba abaphuphumayo.