18 Ndibathi jize ngesihomo nendyebo,batsho babe nobutyebi obuzinzileyo nenkqubela.
19 Inzala engenxa yam ingaphezu kwayo negolide;imveliso yam iyayibetha neyona siliva.
20 Ihambo yam bubulungisa bodwa;iindlela zam zifanelekile.
21 Ubutyebi lilifa endibanikayo abo bandithandayo;ndibathi jize ngoovimba abaphuphumayo.
22 “Ekuqalekeni kwendalo kaNdikhoyo mna ndandikho ndingowakhe;ewe, ndandikho ingekabikho imisebenzi yakhe yamandulo.
23 Mna wandiqingqa kwasephakadeni,kuqala ngqa, nehlabathi lingekabikho.
24 Ndavela engekabikho namanzi anzongo-nzongo,tanci ingekaveli nemithombo ephuphuma amanzi.