25 Ndingowokuqala phambi kwazo neentaba;neenduli zilibone emva kwam ilanga.
26 Ndabakho ungekabikho umhlaba neentili zawo;ewe, kwakungekabikho nothuli olu ehlabathini!
27 Ndandikho ekumiselweni kwamazulu nguThixo,xa wayetwabulula isibhakabhaka kumanzi anzongo-nzongo.
28 Xa wayesambathisa isibhakabhaka ngamafu ndandilapho,nangokuya wayeseka imithombo yeelwandle ndandikho.
29 Ndandilapho xa wayemisa imida yolwandle,xa wayesithi: ‘Latyuza, kodwa ungagqithi apha.’Ekuzimiseni kwakhe iziseko zehlabathi ndandikho.
30 Ewe, ndayingcali yomsebenzi, ndiyintonga yakhe yasekhosi;ndandizele yimincili iimini ngeemini,ndivuya apho ecaleni kwakhe.
31 Ngenene ndandichulumacha kulo elimiweyo;ndandiziva ndinemihlali phakathi koluntu.