29 Ndandilapho xa wayemisa imida yolwandle,xa wayesithi: ‘Latyuza, kodwa ungagqithi apha.’Ekuzimiseni kwakhe iziseko zehlabathi ndandikho.
30 Ewe, ndayingcali yomsebenzi, ndiyintonga yakhe yasekhosi;ndandizele yimincili iimini ngeemini,ndivuya apho ecaleni kwakhe.
31 Ngenene ndandichulumacha kulo elimiweyo;ndandiziva ndinemihlali phakathi koluntu.
32 “Ngoko ke, bonyana, ndiphulaphuleni,kuba banoyolo abo bahamba ngeendlela zam.
33 Yamkeleni ingqeqesho, ukuze nibe zizilumko;sanukuyityeshela, koko bambelelani kuyo.
34 Unenyhweba kambe umntu ondiphulaphulayo;nditsho lowo uhlala enkundleni yam yonke imihla,osoloko elindile emasangweni am phaya.
35 Ozuze mna ke ubufumene ubomi;uxhamla ukwaneliseka kukaNdikhoyo.