7 Ndithe: ‘Mandiyekel' iminyak' isiphakele.’Bendisithi: ‘Izilimela zingasiph' ubulumko.’
8 Kambe ke ngoku ndiyaqonda ukuba ngumoya osemntwini,ewe, lifuthe likaSomandla elimthi jize ngokuqonda umntu.
9 Hayi, abuyi ngaminyaka ubulumko,kungayi nangabudala ukuqonda imfanelo.
10 “Ngoko ke bekan' iindlebe, khe ndiniphakele;makhe ndinivakalisel' olwam uluvo.
11 Ewe, ndiniphulaphule xa beniphakula ubulumko benu;ndibuvisisile xa benidimbaza nigalela.
12 Bendiziindlebe ndonke xa benithetha;akukho namnye umchaniley' uYobi,kungekho namnye ukwaziy' ukuchan' amagama.
13 Ke nina sanukuthi: ‘Sibuzuzile ubulumko.’Kaloku nguThixo yedwa ongaphendulanayo noYobi, hayi umntu.