7 Emva kwale ntetho *kaNdikhoyo noYobi uNdikhoyo ubhekise kuElifazi waseTema, wathi: “Umsindo wam uyavutha kuwe nakubahlobo bakho ababini, kuba anithethanga nto iyiyo ngam njengesicaka sam uYobi.
8 Ngoko ke thathani iinkunzi zeenkomo ezisixhenxe, neenkunzi zeegusha ezikwasixhenxe, niye nazo kwisicaka sam uYobi, nizenzele idini elitshiswayo. Ke yena uYobi isicaka sam uya kunithandazela; ibe ke mna ndiya kuwamkela loo mthandazo wakhe, ndinganiphathi ngokobudenge benu. Kaloku nina anithethanga nto iyiyo ngam njengoko enzileyo yena uYobi isicaka sam.”
9 Ngenene ke uElifazi waseTeman noBhildadi waseShuwa noZofare waseNama benza ngokomlomo *kaNdikhoyo, waza ke yena wawamkela umthandazo kaYobi.
10 Akuba ke uYobi ebathandazele abahlobo bakhe kuNdikhoyo, uNdikhoyo waphinda wambuyisela uYobi kundalashe. Ewe, ubutyebi bakhe wada wabuphinda-phinda.
11 Abantakwabo noodade bakhe, ngokunjalo nâbo babemazi ngaphambili, beza, batya kunye naye emzini wakhe. Bavelana naye, bamkhuza bemthuthuzela ngenxa yesithwakumbe awayebethwe ngaso nguNdikhoyo. Bonke ngabanye ngabanye bamnika imali nomsesane wegolide.
12 Ke kaloku uNdikhoyo walithamsanqela ikamva likaYobi nangaphezu kokuba wayenzile kubomi bakhe bangaphambili. UYobi waba neshumi elinesine lamawaka eegusha, isithandathu samawaka eenkamela, amawaka amabini eenkabi zeenkomo newaka leedonki.
13 Waphiwa isixhenxe soonyana neentombi zantathu.