22 Waphendula ke uYesu wathi kuwo: “Hambani niye kumbalisela uYohane izinto enizibonileyo nenizivileyo; okokuba iimfama zibuya zibone, iziqhwala ziyahamba, abaneqhenqa bayahlanjululwa, izithulu ziyeva, abafileyo bayavuswa, abasweleyo bayazishunyayezwa iindaba ezimnandi.
23 Unoyolo ke othe akakhutyekiswa ndim!”
24 Bakuba bemkile abathunywa bakaYohane, uYesu wathetha ngoYohane kwisihlwele, esithi: “Naphuma nisiya kubona ntoni na entlango? Yayiyingcongolo na, izanya-zanyiswa ngumoya?
25 Naphuma nisiya kubona ntoni na kakade? Yayingumntu ohombileyo na? Niyabona, abo banxiba izivatho eziqaqambileyo, badle amanqatha elizwe, ngabasezindlwini zookumkani.
26 Ngaba naphuma nisiya kubona ntoni na kakade? Yayingumshumayeli na? Ewe, ndithi kuni, nibone oyena *ungumshumayeli ngokupheleleyo.
27 UYohane ngulowo uThixo atshoyo ngaye eziBhalweni ukuthi:“ ‘Naso isigidimi sam esiya kukwandulela,sikugabulele izigcawu.’
28 “Ndithi kuni, kubo bonke abazelwe kweli hlabathi akukho bani mkhulu kunoYohane; kanti noyena mncinane ùphantsi kolawulo olutsha lukaThixo mkhulu kunaye.”