1 *UNdikhoyo wathetha noMosis wathi: “Yiya kwakumkani. Kaloku yena namaphakathi akhe ndibaqaqadekisile, ukuze ndifumane ithuba lokwenza le miqondiso phakathi kwabo,
2 nokuze nibe nako ukubalisela abantwana nabazukulwana benu. Niya kubanika ingcombolo yendlela endabonisa ngayo ubungangamsha bam kumaJiputa, nangemiqondiso endiyenzileyo phakathi kwawo, khon' ukuze nani niqonde ukuba ndinguNdikhoyo.”
3 UMosis noAron ke baya kwakumkani, bathi kuye: “UNdikhoyo uThixo wamaHebhere uthi: ‘Koda kube nini ungavumi ukuzithoba kum? Khawubakhulule abantu bam, baye kundikhonza.
4 Ukuba uyala, ngomso ndiza kuthumela iinkumbi emhlabeni wakho.
5 Ziya kuba yinyambalala eya kuwugquma tu umhlaba wakho xa uwonke. Yonke into esinde kwesiya sichotho ziya kuyinqunqutha iphele tu! Nditsho nomthi lo wembala.
6 Ziya kunyakazela ezindlwini zakho, kwezamaphakathi, nakuzo zonke izindlu zamaJiputa. Lowo iya kuba ngumbono ongazange walanywa ngooyihlo ngokunjalo nooyihlo-mkhulu ezimbalini zeli lizwe.’ ” Akuba etshilo waphuma, wemka kwakumkani.
7 Amaphakathi kakumkani abhekisa kuye athi: “Yaz'ba kode kube nini na lo mfo elukhwembe-khwembe kuthi? Nceda, khulula aba bantu baye kukhonza uNdikhoyo uThixo wabo. Ngaba awukaqondi ukuba iJiputa itshabalele?”