8 Babizwa ke ooMosis noAron, babuyela kukumkani, waza wathi kubo: “Hambani niye kukhonza uNdikhoyo uThixo wenu. Kodwa ke ngoobani kanye abaza kuhamba?”
9 UMosis wathi: “Kuza kuhamba abadala nabanci, oonyana neentombi, iigusha neenkomo. Kaloku kufuneka senzele uNdikhoyo itheko.”
10 Kambe ke ukumkani waphendula wathi: “Ndifung' uNdikhoyo, soze ndinikhulule nihambe neentsapho zenu. Kakade, nithi andiniboni ukuba nindenzela iyelenqe?
11 Hayi, makuhambe amadoda odwa aye kukhonza uNdikhoyo, njengoko nanitshilo kakade.” Baza ke bakhutshwa buphuthu-phuthu apho kwakumkani.
12 Kwesi sithuba ke uNdikhoyo wayalela uMosis wathi: “Phakamisa ingalo yakho, uwangawangise kulo lonke elaseJiputa, ukuze kuvele iinkumbi eziya kunqunqutha zonke izityalo nayo yonke into eyasinda esichothweni.”
13 UMosis ke wayiphakamisa induku yakhe, wawangawangisa ngayo, waza ke uNdikhoyo wathumela umoya wasempuma, wabhudla loo mini yonke nobusuku bayo. Kwathi kusisa kwaye sekunyakazela ziinkumbi kulo lonke elaseJiputa.
14 Zafika zilibubu, zanyakazela kulo lonke elaseJiputa neziphaluka zalo. Ezingako zona zazingazange zabonwa ngaphambili, zaye zingasoze zibonwe nanini na!