1 “Xa umntu ebe inkomo okanye igusha, waza wayixhela okanye wayithengisa, makahlawule iinkomo ezintlanu ngenkomo enye, aze ahlawule iigusha ezine ngegusha enye.
2 “Ukuba ngaba isela libhaqwe liqhekeza ebusuku, laza labulawa, akanatyala lowo ulibuleleyo.
3 Kambe ke ukuba le nto yenzeke emini, woba netyala lokubulala lowo ulibuleleyo.
4 “Into umntu ayibileyo makayihlawule. Ukuba kuthe kanti ungumntu ongenanto, makathengiswe abe likhoboka ukubuyekeza ubusela obo. Ukuba ke inkomo, idonki, okanye igusha, leyo ayibileyo, ifunyenwe kuye isaphila, wohlawula zibe mbini ngenye.