28 Amakhonkco esikhuselo-sifuba wadibanise namakhonkco esidanga ngomtya ozuba, ukuze isikhuselo-sifuba sihlale phezu kwesidanga singabhakuzeli.
29 “Ngoko ke xa uAron engena egumbini elingcwele makanxibe esi sikhuselo-sifuba sinamagama ezindlu zikaSirayeli, ukuze mna *Ndikhoyo ndingaze ndibalibale abantu bam.
30 Kwalapho kwisidanga faka *iiurim neethumim, ukuze uAron ahambe nazo xa esiza kum. Ewe, ngala maxesha makanxibe isikhuselo-sifuba, ukuze asoloko enako ukuyiqonda intando yam mayela namaSirayeli.”
31 “Ke wona umnweba ophezu *kwesidanga mawulukwe ube lilaphu elizuba.
32 Mawugqojozwe indawo yokungena intloko, ize iqukunjelwe iqine, ukuze ingakrazuki.
33-34 Kumazantsi awo uze wenze imifanekiso yeerharnati ibe zuba, emsobo, nebomvu. Ezi zihombiso ke mazibolekisane neentsinjana ezenziwe ngegolide.
35 Lo mnweba ke uAron uya kuwufaka xa ekumsebenzi wakhe wobubingeleli. Iintsimbi ezo ke ziya kukhenkceza xa angenayo egumbini elingcwele, ngokunjalo naxa aphumayo. Ngokwenjenjalo uya kusinda ekufeni.