33-34 Kumazantsi awo uze wenze imifanekiso yeerharnati ibe zuba, emsobo, nebomvu. Ezi zihombiso ke mazibolekisane neentsinjana ezenziwe ngegolide.
35 Lo mnweba ke uAron uya kuwufaka xa ekumsebenzi wakhe wobubingeleli. Iintsimbi ezo ke ziya kukhenkceza xa angenayo egumbini elingcwele, ngokunjalo naxa aphumayo. Ngokwenjenjalo uya kusinda ekufeni.
36 “Thatha igolide ecocekileyo, wenze icwecwe elihle. Uze ukrole amagama kulo athi: ‘*OkaNdikhoyo pheleleyo.’
37 Liqhagamshele ngomsonto ozuba eqhiyeni yakhe ebunzi.
38 Eli cwecwe ke liya kuthi nca ebunzi kuAron, khon' ukuze mna *Ndikhoyo ndiwamkele amadini amaSirayeli, nangona angade abe nempazamo xa anikelayo. Ewe, eli cwecwe malibe sebunzi kuye lonke ixesha. Ngokwenjenjalo abantu bam amaSirayeli baya kuhlala bamkelekile kum.
39 “UAron uze umthungele ihempe ngelaphu elisontwe ngobugcisa. Uze umenzele iqhiya kwangelo laphu, ngokunjalo nomxwayo ohonjiswe waqhoqhonywa ngobona bugcisa.
40 “Oonyana baka-Aron benzele iminweba nemixwayo neminqwazi, ukuze babe nesidima nomfaneleko.