38 Eli cwecwe ke liya kuthi nca ebunzi kuAron, khon' ukuze mna *Ndikhoyo ndiwamkele amadini amaSirayeli, nangona angade abe nempazamo xa anikelayo. Ewe, eli cwecwe malibe sebunzi kuye lonke ixesha. Ngokwenjenjalo abantu bam amaSirayeli baya kuhlala bamkelekile kum.
39 “UAron uze umthungele ihempe ngelaphu elisontwe ngobugcisa. Uze umenzele iqhiya kwangelo laphu, ngokunjalo nomxwayo ohonjiswe waqhoqhonywa ngobona bugcisa.
40 “Oonyana baka-Aron benzele iminweba nemixwayo neminqwazi, ukuze babe nesidima nomfaneleko.
41 Ezi zivatho ke zinxibe uAron ngokunjalo noonyana bakhe. Wakukhov' ukwenjenjalo ke bathambise ubamisele ukuze bangene emsebenzini wobubingeleli.
42 Kwakhona thatha ilaphu, ubenzele iibhulukhwe zangaphantsi ezisuka esinqeni zime emathangeni, ukuze bangahambi ze.
43 UAron ndawonye noonyana bakhe mabasoloko bezinxibile xa bengena *esibingelelweni, noba bakwezamadini okwababingeleli, hleze bafe ngenxa yokuba behamba ze. Lo ke ngummiselo ongasoze washukunyiswa kuAron ndawonye nezizukulwana zakhe.”