12 UThixo waphendula wathi: “Ndiya kuba nawe. Nanku umqondiso wokuba uthunywa ndim: mhla wabakhupha abo bantu eJiputa noza kundinqula mna Thixo apha kule ntaba.”
13 UMosis wabuza wathi: “Ukuba ndiyile ke kumaSirayeli, ndawaxelela ukuba ndithunywe kuwo nguThixo wookhokho bawo, aza wona andibuza ukuba ngubani igama lakhe, ze ndithini?”
14 UThixo waphendula wathi: “Ndinguye uNdikhoyo. Uze uwaxelele amaSirayeli ukuba uthunywa nguNdikhoyo.”
15 UThixo waqhuba wathi: “Uze uthi kumaSirayeli: ‘Ndithunywa *nguNdikhoyo, uThixo wookhokho benu: uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi.’ Kaloku eli ligama lam nanini nanini; ndaye ke ndiya kubizwa ngalo nazizizukulwana ezizayo.
16 Ngoko ke hamba uwaqokelele amadoda amakhulu amaSirayeli, uthi kuwo: ‘Ndimbonile uNdikhoyo, uThixo wookhokho benu, uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi; uthe: “Ndinijongile ndayibona imeko enikuyo apha eJiputa;
17 ngoku ke ndizimisele ukunikhulula kule mbandezelo yaseJiputa, ndinise kwilizwe lamaKanana, amaHiti, ama-Amori, amaPerezi, amaHivi, namaJebhusi; nditsho ilizwe elivuza ubisi nobusi.” ’
18 “Ukuba ke utshilo kubo baya kukuphulaphula. Wena ke uya kuthatha amadoda amakhulu amaSirayeli, niye kukumkani waseJiputa, nithi kuye: ‘Sibonene noNdikhoyo uThixo wamaHebhere; ngoku ke siyakubongoza ukuba ukhe usikhulule, sithathe uhambo lweentsuku ezintathu, siye entlango, sibingelele simenzele idini uNdikhoyo Thixo wethu.’