7 Waqhuba ke *uNdikhoyo wathi: “Ngenene ndiyibonile imbandezelo yabantu bam eJiputa. Ndisivile nesimbonono sabo ngenxa yâbo babatshutshisayo. Ewe, ndiyayiqonda intlungu yabo;
8 ngoku ke ndihlile ukuze ndibahlangule esandleni samaJiputa, ndibakhulule baphume kwelo lizwe, baye kwilizwe elihle eliphangaleleyo, eliphuphuma ubisi nobusi. Elo ke lelamaKanana, amaHiti, ama-Amori, amaPerezi, amaHivi, namaJebhusi.
9 Kaloku isikhalo samaSirayeli side saza kufikelela kum, ibe ke ndiyibonile nengcinezelo aphantsi kwayo esandleni samaJiputa.
10 Hamba ke; ndikuthuma kukumkani waseJiputa, ukuze ubakhokele baphume eJiputa abantu bam amaSirayeli.”
11 UMosis wathi kuThixo: “Kuxa ndingubani mna ukuba ndingade ndiye kukumkani ukuze ndikhuphe amaSirayeli eJiputa?”
12 UThixo waphendula wathi: “Ndiya kuba nawe. Nanku umqondiso wokuba uthunywa ndim: mhla wabakhupha abo bantu eJiputa noza kundinqula mna Thixo apha kule ntaba.”
13 UMosis wabuza wathi: “Ukuba ndiyile ke kumaSirayeli, ndawaxelela ukuba ndithunywe kuwo nguThixo wookhokho bawo, aza wona andibuza ukuba ngubani igama lakhe, ze ndithini?”