1 Wathi ke uNdikhoyo kuMosis: “Uza kuyibona ke ngoku into endiza kuyenza kukumkani waseJiputa. Ngamandla am ndomnyanzela abakhulule aba bantu; enyanisweni ndiza kumenza abagxothe ngokwakhe emhlabeni wakhe.”
2 UThixo wathetha noMosis wathi: “*NdinguNdikhoyo.
3 Ndabonakala kuAbraham nakuIsake nakuYakobi njengoThixo uSomandla, kodwa ke andizange ndizazise kubo ngegama lam uNdikhoyo.
4 Ngaphezu koko ndênza umnqophiso nabo, ndathi ndobanika ilizwe laseKanana, apho boma khona baxhwarhe okwabahambi.
5 Ngoku ke ndisivile isingqala samaSirayeli ngenxa yokukhotyozwa ngamaJiputa, ndaye ke ndiwukhumbule loo mnqophiso.
6 Ngoko ke yithi kumaSirayeli: ‘NdinguNdikhoyo, ndaye ke ndiza kunikhupha kwingcinezelo yamaJiputa, ndinikhulule kwiimbophelelo zawo. Ndiya kunihlangula ngesandla esigadalala nangezigwebo ezingqongqo.
7 Ndiya kunenza abantu bam, mna ndibe nguThixo wenu. Nani ke niya kuqonda ukuba mna Ndikhoyo ndinguThixo wenu onikhulule ebukhobokeni eJiputa.