1 Ndajonga ndaza ndabona into engathi sisihlalo sekumkani esenziwe ngelitye lesafire, sithe zinzi esibhakabhakeni ngasentla kweentloko *zezithunywa ezimaphiko.
2 Waza *uNdikhoyo wathi kwindoda enxibe izambatho zelinen: “Ngena phakathi kwamavili lawa aphantsi kwezithunywa ezimaphiko, uzalise izandla zakho ngamalahle avuthayo, uwasasaze phezu kwesi sixeko.” Wangena ndikhangele njalo.
3 Izithunywa ezimaphiko zazimi kwicala lasezantsi endlwini kaThixo ngeli xesha indoda ingenayo. Inkundla ephakathi yayigqunywe lilifu.
4 Baza ubuqaqawuli bukaNdikhoyo bafunquka phezu kwesithunywa esimaphiko, baya kuthi zinzi emnyangweni wendlu kaThixo. Yazala mome indlu kaThixo lilifu, yona inkundla yazala bubukhazikhazi bobuqaqawuli bukaNdikhoyo.
5 Isandi samaphiko ezithunywa ezimaphiko savakala nakwinkundla engaphandle, ngathi lizwi likaThixo uSomandla xa ethetha.
6 UNdikhoyo wayalela umfo onezambatho zelinen wathi: “Thatha umlilo apho phakathi kwamavili emi ngakwizithunywa ezimaphiko.” Waza umfo lowo ke wema ngasevilini.