Uhezekile 48 XHO96

Ukwabiwa komhlaba

1 “Nazi izizwe zidweliswe ngamagama azo: Kumda osemantla kuya kwahlulelwa uDan isabelo sibe sinye. Umhlaba wakhe uya kwayama indlela esuka eHetelon iye kwinkalo yeHamati. IHazare-enon nomda osemantla eDamasko malunga neHamati uya kuba ngumda osuka empumalanga uye entshonalanga.

2 “Siya kuba sinye isabelo sika-Ashere. Siya kuba ngumhlaba oyamene nokaDan ukusuka empumalanga kuye entshonalanga.

3 “Sinye isabelo sikaNafetali; ngumhlaba oyamene noka-Ashere ukusuka empumalanga kuye entshonalanga.

4 “Sinye isabelo sikaManase; ngumhlaba oyamene nokaNafetali ukusuka empumalanga kuye entshonalanga.

5 “Sinye isabelo sikaEfrayim; ngumhlaba owayame okaManase ukusuka empumalanga kuye entshonalanga.

6 “Isahlulo sikaRubhen siya kuba sinye; siyakwayama umhlaba kaEfrayim ukusuka empumalanga kuye entshona.

7 “Isahlulo sikaJuda siya kuba sinye; siyakwayama kumhlaba kaRubhen ukusuka empumalanga kuye entshonalanga.

8 “Umhlaba oyamene nokaJuda ukusuka empumalanga kuye entshonalanga uya kunikelwa kuNdikhoyo. Ububanzi bawo buya kuba lishumi elinambini elinesiqingatha seekhilomitha, buze ubude bawo ukusuka empumalanga kuye entshonalanga bulingane nobude bomhlaba wesizwe esinye. Ke sona isibingelelo siya kwakhiwa esazulwini sawo.

9 “Lo mhlaba uwodwa uya kunikelwa *kuNdikhoyo uya kuba ziikhilomitha ezilishumi elinambini elinesiqingatha ubude neekhilomitha ezintlanu ububanzi.

10 Le ke iya kuba yindawo eyodwa yababingeleli. Ubude bayo emantla buya kuba ziikhilomitha ezilishumi elinambini elinesiqingatha, buze ububanzi bayo ngasentshonalanga bube ziikhilomitha ezintlanu. Ngasentshonalanga ububanzi buya kuba ziikhilomitha ezintlanu, buze ubude bayo emazantsi bube ziikhilomitha ezilishumi elinambini elinesiqingatha. Isibingelelo sikaNdikhoyo soba sesazulwini sayo.

11 Lo mhlaba uya kuba ngowababingeleli abachongiweyo, amaZadoki, wona âlulamela imimiselo yam ngokunyaniseka akakreqa axela abaLevi xeshikweni ayephambukile amaSirayeli.

12 Uya kuba yinxaxheba yabo eyodwa ethathwe kumhlaba owodwa nongcwele owayamene nomhlaba wabaLevi.

13 “AbaLevi baya kuba nomhlaba owayame lowo wababingeleli. Umlinganiselo wawo uya kuba ziikhilomitha ezilishumi elinambini elinesiqingatha ubude neekhilomitha ezintlanu ububanzi.

14 Ze bangawuthengisi okanye batshintshise ngawo. Ngumhlaba okhethekileyo lo; ngako oko uze ungabi ngowabanye abantu, kuba ungumhlaba owodwa kaNdikhoyo.

15 “Umhlaba oseleyo obubanzi buziikhilomitha ezimbini ezinesiqingatha nobude obuziikhilomitha ezilishumi elinambini elinesiqingatha uya kuba ngowesixeko, ube yindawo yokwakha izindlu nedlelo. Isixeko siya kuba sesazulwini sawo.

16 Ubukhulu baso ke buya kuba ziikhilomitha ezimbini ezinekota emantla, bube kwangako emazantsi, ngasempumalanga nangasentshonalanga.

17 Idlelo lesixeko liya kuba likhulu elinamashumi amabini anantlanu eemitha entla, libe kwangako ezantsi nasempumalanga kwanasentshonalanga.

18 Umhlaba oseleyo kulowo wayame ubude bomhlaba okhethekileyo uya kuba ziikhilomitha ezintlanu ngasempumalanga kwanezintlanu ngasentshonalanga. Isivuno sawo siya kondla abasebenzi besixeko.

19 Abasebenzi besixeko abawulimayo baya kuba ngabezindlu zonke zakwaSirayeli.

20 Uya kuba ngumhlaba omacala alinganayo alishumi elinambini elinesiqingatha seekhilomitha kwicala ngalinye. Umhlaba okhethekileyo nalowo wabelwe isixeko uya kuba ngumnikelo owodwa.

21 “Umhlaba oseleyo macala omabini walowo ungumnikelo owodwa nalowo usikelwe isixeko uya kuba ngowenkosi. Umda wawo wesahlulo sawo ngasinye ukusuka ngasentshonalanga ukuya empumalanga uya kuba lishumi elinambini elinesiqingatha leekhilomitha. Zombini ke ezi ndawo eziyamene nobude bemihlaba yezizwe ziya kuba ngumhlaba wenkosi, uze ke umhlaba owodwa onendlu kaThixo ube sesazulwini sawo.

22 Ngoko ke umhlaba wabaLevi nomhlaba wesixeko uya kuba sesazulwini somhlaba wenkosi. Umhlaba wenkosi uya kuthi xhaxhe ngomda wakwaJuda kwelinye icala, uze uthi xhaxhe ngomda wakwaBhenjamin ngelinye.

23 “Ngokubhekiselele kwezinye izizwe: siya kuba sinye isabelo sikaBhenjamin; siya kusuka empumalanga siye ngasentshonalanga.

24 “USimon uya kuba nesabelo esinye; siya kumelana nomhlaba kaBhenjamin ukusuka empumalanga kuye entshonalanga.

25 “UIsakare uya kuba nesabelo esinye; siya kwayamana nomhlaba kaSimon ukusuka empumalanga kuye entshonalanga.

26 “UZebhulon uya kuba nesabelo esinye; siya kwayamana nomhlaba kaIsakare ukusuka empuma kuye entshona.

27 “UGadi uya kuba nesabelo esinye; siya kwayamana nomhlaba kaZebhulon ukusuka empuma kuye entshona.

28 “Umda ongezantsi kaGadi uya kusuka eTamare uthi gaa ngamanzi eMeribha-kadeshe, uze ukhweze umfula ongakwicala leYiputa, uthi gaa ngoLwandle oluKhulu.

29 “Nango ke umhlaba oya kuwabela izizwe zakwaSirayeli ube lilifa lazo ngokwezahlulo zazo,” utsho uNdikhoyo iNgangalala.

Amasango esixeko

30 “Ngawo la amasango okuphuma esixekweni: Xa kuqalwa kwicala elisemantla, elibude buziikhilomitha ezimbini ezinekota,

31 amasango esixeko aya kuthiywa amagama ezizwe zamaSirayeli. Amasango amathathu angentla aya kuba lisango likaRubhen, isango likaJuda, nesango likaLevi.

32 “Ngakwicala lasempumalanga, elibude buziikhilomitha ezimbini ezinekota, kuya kubakho amasango amathathu: isango likaJosefu, isango likaBhenjamin, nesango likaDan.

33 “Ngakwicala lasemazantsi, elibude buziikhilomitha ezimbini ezinekota, kuya kubakho amasango amathathu: isango likaSimon, isango likaIsakare, nesango likaZebhulon.

34 “Ngakwicala lasentshonalanga, elibude buziikhilimitha ezimbini ezinekota, kuya kubakho amasango amathathu: isango likaGadi, isango lika-Ashere, nesango likaNafetali.

35 “Umgama ukujikeleza isixeko uya kuba ziikhilimitha ezilithoba.“Ukususela kwelo xesha igama lesixeko kuya kuthiwa *nguNdikhoyo ulapha.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48