Uhezekile 29 XHO96

Udaba olukhaba iJiputa

1 Ngosuku lweshumi elinambini kwinyanga yeshumi kunyaka weshumi, ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:

2 “Mntundini, bhekisa kukumkani waseJiputa, umkhalimele yena nayo yonke iJiputa.

3 Yithi: Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi:“Ndiyalwa nawe, kumkani waseJiputa,gongqongqo elikhulu elilele tywaa kwiintlambo zeNayile.Uthi: ‘INayile yeyam;ndazidalela mna ngokwam.’

4 Kodwa ndiya kukufaka igwegwe phakathi kwemihlathi,ndizitsho iintlanzi zeentlambo zakho zinamathele emaxolweni akho.Ndiya kukurhola ndikukhuphe emlanjenizijinga njalo iintlanzi emaxolweni akho.

5 Ndiya kukuphosa entlango wena nezo ntlanzi zasentlanjeni.Uya kuwa elubala, ungaqokelelwa bani.Ndiya kukunikela kwizilwanyana zasendle neentaka zezulu,ube lixhoba lazo.

6 “Xa kunjalo bonke abahlala eJiputa baya kwazi ukuba mna ndinguNdikhoyo.“Ubusoloko ungumsimelelo wengcongolo wendlu kaSirayeli.

7 Bathe bakukubamba ngezandla, wasuka wakroboka, wabahlaba amanxeba emakhwapheni; bathe bakusimelela ngawe, wasuka wee shwaqa, baza bakruneka imiqolo.

8 “Ngako oko ke ithi iNkosi uNdikhoyo: Ndiza kukuthumela ngekrele, abulawe onke amadoda nemfuyo yakho.

9 IJiputa iya kuba lilizwe elisebugxwayibeni. Baya kundazi ukuba ndinguNdikhoyo.“Kaloku uthe: ‘INayile yeyam; ndazidalela mna ngokwam.’

10 Ndiyalwa nawe ke ngoko, wena nemisinga yomlambo wakho. Ndiza kulitshabalalisa izwe laseJiputa, libe yinkangala ukusuka eMigidoli naseAswan kuye kuthi gaa ngemida yaseKushe.

11 Akusayi kucanda mntu nasilo kulo; akusayi kuhlala mntu iminyaka engamashumi amane.

12 Ilizwe laseJiputa ndiya kulenza libe bubugxwayiba phakathi kwamazwe abubugxwayiba, nezixeko zalo ziya kuba ngamanxuwa njengezinye iminyaka engamashumi amane. Wona amaJiputa ndiza kuwenza abhacele ezizweni, agqibe onke amazwe.

13 “Kanti itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Emva kweminyaka engamashumi amane ndiya kuwaqokelela amaJiputa ezizweni ebebhacele kuzo.

14 Ndiya kuwaphuthuma ekuthinjweni, ndiwabuyisele ePatro, ilizwe lookhokho bawo. Apho aya kuba sisizwana nje.

15 Aya kuba sesona sizwana siphantsi esingasokuze sibuye sibaluleke kwezinye izizwe. Ndiya kusibetha kangangokuba singaze siphinde sizilawule ezinye izizwe.

16 IJiputa ayisoze iphinde ibe yindawo azigwagwisa ngayo amaSirayeli, kodwa iya kuhlala isisikhumbuzo sesono sawo sokucela uncedo kuyo. Baya kundazi ngoko ukuba mna ndinguNdikhoyo iNgangalala.”

17 Ngomhla wokuqala wenyanga yokuqala yonyaka wamashumi amabini anesixhenxe wathi kum uNdikhoyo:

18 “Mntundini, uNebhukadenezare ukumkani waseBhabheli wawufunza ngamandla umkhosi wakhe kwimfazwe yaseTire. Atsho amadoda akhuthuka iintloko, atyabuka amagxalaba. Kodwa umkhosi wakhe zange uzuze nto kuloo mfazwe yaseTire.

19 Ngako oko itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: IJiputa ndiza kuyinikezela kuNebhukadenezare ukumkani waseBhabheli, ukuze abuthimbe bonke ubutyebi bayo. Uya kuthimba yonke into enexabiso kwelo zwe, ibe ngumvuzo wokubulaleka komkhosi wakhe.

20 Ndimnike iJiputa ukuze ibe yimbuyiselo yomzabalazo wakhe wokundinceda ekunye nomkhosi wakhe, itsho iNkosi uNdikhoyo.

21 “Ngaloo mini ndiya kuhlumisa uphondo kwindlu kaSirayeli, nawe ndikwenze uwashumayeze ukhululekile. Baya kwazi ke ngoko ukuba ndinguNdikhoyo.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48