Uhezekile 26 XHO96

Udaba olukhaba iTire

1 Ngomhla wokuqala enyangeni ngonyaka weshumi elinanye, ndeva izwi *likaNdikhoyo lisithi kum:

2 “Mntundini, iTire ihlekise ngeJerusalem yathi: ‘Tshotsho uvuleke, sangondini eliya ezizweni! Iingcango zakho zivulelwe mna. Njengoko sewulinxuwa wena ndiza kuchuma mna.’

3 Ngenxa yoko mna Ndikhoyo iNkosi ndithi: Ndikuchasile, Tire, ndaye ndiza kukufunza ngentlaninge yezizwe, zibe ngathi ngamaza olwandle olulwayo.

4 Ziya kuzidiliza iindonga neenqaba zaseTire. Ndiya kukutshayela ke konke okudiliziweyo, iTire isale ilulwalwa,

5 ibe yindawo yeminatha yabalobi beentlanzi. Kaloku ndithethile mna, itsho iNkosi uNdikhoyo. Iya kuba lixhoba lezizwe,

6 nezithanga zayo ezithe qelele nolwandle zitshabalale likrele. Xa kunjalo ke baya kundazi ukuba ndinguNdikhoyo.”

7 Kaloku iNgangalala uNdikhoyo ithi: “ITire ndiya kuyithumela ngoNebhukadenezare ukumkani waseBhabheli – ewe, ikumkani yeekumkani. Uya kuvela ngasentla namahashe neenqwelo zakhe zemfazwe, nebubu lomkhosi olunamadoda akhwele emahashini.

8 Uya kuzingena ngekrele izithanga zakho ezimgama nolwandle. Uya kukungqinga, azayame ngezikanisi iindonga zakho, azikhusele.

9 Iindonga zakho uya kuzingquzula ngezidilizi zakhe, itsho iwe phantsi imibhontshontsho yakho.

10 Amahashe akhe aya kuba maninzi kangangokuba aya kutsho likugubungele uthuli. Izingqi zamahashe emfazwe nengxolo yeenqwelo zokulwa iya kutsho zishukume iindonga zakho xa engena emasangweni akho ngokwamadoda engena esixekweni esindonga ziqhekekileyo.

11 Amanqina amahashe akhe aya kuzixobonga zonke izitalato; abantu bakho úya kubabulala ngekrele; zize ezo ntsika zomeleleyo ziwe bhuma emhlabeni.

12 Ubutyebi bakho buya kuba lixhoba labo, bayithimbe nempahla orhweba ngayo. Baya kuzidiliza iindonga zakho, namapoma ezindlu zakho zokuhlala, baze bawaphose elwandle amatye nemithi nenkunkuma.

13 Ndiza kuyiphelisa intsholo yeengoma kuwe, kwaye ayisokube iphinde iviwe intsholo yezikhalisi zakho.

14 Ndiya kukwenza ufane nolwalwa olungenakuhluma nto, uze ube yindawo yeminatha yabalobi beentlanzi. Akusokuze uphinde uvuswe, kuba kaloku kuthethe mna Ndikhoyo iNkosi.”

15 Ithi iNgangalala uNdikhoyo kwiTire: “Ngaba bebengangcangcazeli na sisandi sokuwa kwakho abemi phezu konxweme, naxa isitsho incwina yeengxwelerha xa ikrele lisidla kuwe?

16 Ngelo xesha zonke iikumkani zamazwe onxweme lolwandle ziya kuhla ezihlalweni zazo, ziyithi xibilili iminweba yazo, zizikhulule neengubo zazo ezihonjisiweyo. Ziya kuhlala phantsi zizel' ululoyiko, zingcangcazela ngalo lonke ixesha ngenxa yomothuko wento eziyibona kuwe.

17 Ziya kwenza isililo ngawe, zithi kuwe:“ ‘Yehaa!Watshabalala, sixekondini sodumo, ikhaya lamadoda aselwandle!Ubunegunya elwandle, wena nabemi bakho,ngenxa yakho bebethuthumela bonke abahlala apho.

18 Abemi baselunxwemeni bayangcangcazela ngalo mhla wokuwa kwakho;abaseziqithini bayagubha ngenxa yokuwa kwakho.’ ”

19 Ithi iNkosi uNdikhoyo: “Ndiya kukutshabalalisa ube linxuwa, kungabi sabakho bani uhlala kuwe; ndiya kukuntywilisela enzonzobileni yamanzi olwandle;

20 ndiya kukutshonisa emhadini, ndikuhlalise ekhayeni lamanyange. Ndiya kukwenza uhlale emathunjini omhlaba, nawe Tire ufane namanxuwa ezixeko zamandulo. Kwanjengazo awusoze ubuye uluxhamle udumo kumhlaba wabaphilayo.

21 Isiphelo sakho siya koyikeka, kuba uya kubhujiswa kuphele. Uya kufunwa, kodwa ungaze ufunyanwe, itsho iNkosi uNdikhoyo.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48