Uhezekile 47 XHO96

Umsinga ophuma endlwini kaThixo

1 Yaza indoda yabuya nam, saya ekungeneni kwendlu kaThixo, ndabona amanzi empompoza phantsi komgubasi wendlu kaThixo, esiya ngasempumalanga. (Kaloku indlu kaThixo yayijonge empumalanga.) Amanzi ayesihla ephuma ngaphantsi kwicala elisemazantsi endlu kaThixo, emazantsi eqonga lamadini.

2 Yaphuma nam ngesango lasemantla, sajikela ngaphandle, sada saya kutsho kwisango langaphandle elijonge empuma, abe wona amanzi empompoza evela ngasemazantsi.

3 Yahamba njalo indoda, isiya ngasempumalanga, iphethe umtya wayo wokulinganisa. Yalinganisa kangangamakhulu amahlanu eemitha, yandiweza kumanzi awayebetha eqatheni.

4 Yaphinda yalinganisa kangangamakhulu amahlanu eemitha, yandisa kumanzi abetha edolweni. Yaphinda yalinganisa kangangamakhulu amahlanu eemitha, yandiweza kumanzi abetha esinqeni.

5 Kwakhona ilinganise amanye amakhulu amahlanu eemitha, kodwa ngoku safika ingumlambo endingenakuwuwela, kuba amanzi ayephezulu, unzulu kangangokuba umntu wayengadadayo – akukho mntu wayenokuwela ngeenyawo ngoku.

6 Yabuza kum yathi: “Mntundini, uyayibona na le nto?”Yabuya nam, yandisa elunxwemeni lomlambo.

7 Ndakuba ndilapho ndabona imithi emininzi ikhula macala omabini omlambo.

8 Ithe kum: “La manzi aqukuqela esiya kummandla wasempumalanga, ehle aye kwintili yeJordan, apho angena khona kuLwandle oluFileyo. Athi akungena elwandle amanzi alapho aphele ubutyuba.

9 Apho lo mlambo uqukuqela khona kubakho inkitha yezilo ezihlala khona. Ziya kuba ninzi kakhulu iintlanzi, kuba apho la manzi angena khona amanzi amtyuba ayajika abe nokuselwa; ngako oko apho ucanda khona zonke izinto ziya kuphila.

10 Abalobi baya kuba selunxwemeni. Ukusuka e-Engedi kuye e-Eneglayim kuya kubakho iindawo zokwaneka iminatha. Kuya kubakho iindidi ngeendidi zeentlanzi zibe ninzi okweentlanzi zoLwandle oluKhulu.

11 Kodwa yona imigxobhozo iya kuhlala imtyuba; kuzuzwa ityuwa kuyo.

12 Macala omabini omlambo kokhula imithi yeentlobo ngeentlobo zeziqhamo. Amagqabi ayo akayi kutshaza; yosoloko inika iziqhamo. Iya kunika iziqhamo zonke iinyanga kuba ifumana amanzi aphuma endlwini kaThixo. Iziqhamo zayo ziya kuba kukutya, wona amagqabi abe liyeza.”

Imida yelizwe

13 Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: “Nantsi imida yokwahlula umhlaba oza kuba lilifa lezizwe ezilishumi elinambini zakwaSirayeli, uJosefu yena efumana izahlulo ezibini.

14 Uya kuzahlulela ngokulinganayo, kuba ndathembisa ngesifungo ukuba lo mhlaba ndiya kuwunika ookhokho benu ukuze ube lilifa lenu.

15 “Nantsi ke imida yelizwe:Umda wasemantla uya kuqala kuLwandle oluKhulu, ugudle indlela yaseHetelon, uqabele inkalo, uthi xhaxhe ngeZedada,

16 uye eHamati naseBherota, naseSibrayim (emi kumda weDamasko neHamati) uye eHazere-hatikoni ekumda weHawuran.

17 Umda lo uya kusuka elwandle uye eHazare-enon, wayame umda osemantla eDamasko, nowamantla eHamati. Lo ke uya kuba ngumda wasemantla.

18 Ngasempumalanga umda uya kucanda phakathi kweHawuran neDamasko, wayame iJordan phakathi kweGiliyadi nelizwe lakwaSirayeli, uye kutsho kuLwandle oluFileyo, uthi gaa ngeTamare. Lo ke uya kuba ngumda wasempuma.

19 Emazantsi umda uya kuqala eTamare ude uye kuthi gaa ngamanzi eMeribha-kadeshe, uhambe ngomfula ongakwicala laseJiputa, uthi xhaxhe ngoLwandle oluKhulu. Lo ke uya kuba ngumda wamazantsi.

20 Kwicala lasentshonalanga umda uya kuba luLwandle oluKhulu, kuthi gaa ngendawo ejongene nenkalo yeHamati. Ngumda wasentshona ke lowo.

21 “Niya kuzabela lo mhlaba ngokwezizwe zakwaSirayeli ezilishumi elinambini.

22 Niya kuwaba ube lilifa lenu nelabangeneleli abêma phakathi kwenu kwasebuntwaneni. Niya kubathatha njengamaSirayeli othuthu; njengani ke baya kwabelwa ilifa phakathi kwezizwe zakwaSirayeli.

23 Umngeneleli uya kunikwa ilifa kweso sizwe emi phakathi kwaso,” utsho uNdikhoyo iNgangalala.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48