Uhezekile 9 XHO96

Ukubulawa kwabanquli-zithixo

1 Ndaza ndayiva iNkosi isithi: “Biza amagosa ocwangco esixeko, ngalinye kuwo liphathe isixhobo salo.”

2 Ndabona kusithi gqi isithandathu samadoda sivela kwisango eliphezulu elijonge entla, iyileyo iphethe isixhobo esoyikekayo. Ayehamba nomfo onxibe ilinen, egaxele izinto zokubhala. Bangena bema ngakwiqonga lamadini lobhedu.

3 Ubuqaqawuli bukaThixo bafunquka phezu *kwesithunywa esimaphiko apho babukhona, baza beza kuthi zinzi emgubasini wendlu kaThixo. Waza ke uNdikhoyo wamyalela umfo onxibe ilinen enezixhobo zakhe zokubhala,

4 wathi: “Tyhutyha isixeko saseJerusalem, ubaphawule ebunzi abo bawanyanyayo amanyundululu enziwa khona.”

5 Ndithe ndisamamele njalo wathi kwabanye abo: “Mlandeleni, nityhutyhe isixeko, nibulale, ningabi nanceba namfesane,

6 nityakatye nitshabalalise amaxhego, amadodana neentombi, abafazi nabantwana, kodwa maze ningamchukumisi onophawu. Qalani kanye esibingelelweni.” Ngoko nangoko baqala ngamadoda amakhulu ayelapho phambi kwendlu kaThixo.

7 Kwakhona uthe kubo: “Yigqwaliseni indlu kaThixo, iinkundla zizale zizidumbu. Hambani!” Baza ke bahamba betyakatya bebulala esixekweni apho.

8 Ngeli xesha babulalayo ndishiywe ndedwa, ndasuka ndacambalala ndabhomboloza ndathi: “Awu, Nkosi Ndikhoyo, ukhuphela ingqumbo yakho eJerusalem ngokutshabalalisa namasalela la ukuze kungasali nempunde kwaSirayeli?”

9 Wandiphendula wathi: “Lukhulu kakhulu ukreqo lwendlu kaSirayeli nekaJuda; kuligazi nje elizweni, ubulungisa abukho konke kwesi sixeko. Bathi: ‘UNdikhoyo ulishiyile ilizwe; uNdikhoyo akasiboni.’

10 Ke ngoko andizi kuba nanceba ndibasindise, kodwa baya kuvuna loo nto bayilimileyo.”

11 Ke kaloku umfo onxibe izambatho zelinen ephethe izixhobo zakhe zokubhala wabuya wathi: “Ndisebenze ngokomyalelo wakho.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48