Uhezekile 24 XHO96

Imbiza yokupheka

1 Ngomhla weshumi ngenyanga yeshumi yonyaka wesithoba ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:

2 “Mntundini, wubhale phantsi lo mhla, kanye lo, kuba ngawo uyirhangqile iJerusalem ukumkani waseBhabheli.

3 Benzele umzekeliso abendlu yabavukeli, uthi: Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi:“Beka imbiza eziko;ugalele kuyo amanzi.

4 Sikelela inyama, uyigalele kuyo,iindawo ezikhethiweyo zona zomlenze nomkhono.Mayizale ngawona-wona mathambo,

5 eyona-yona mpahla isebuhlanti.Yibasele kakhulu imbiza yakho;de ibile,avuthwe namathambo akuyo.“Kuba itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi:

6 “Yeha sixeko sabagwinti,esiyintshela namhla embizeni;akuyi kubhungca nesuntswana!Iya kuphakwa ngezidungulwana,kungenziwanga maqashiso ngazo.

7 Kuba igazi awaliphalazayo liyakhala.Kaloku waliphalazela etyeni,akaliphalazelanga emhlabeniapho beliya kutshona eluthulini.

8 Ngenxa yokuxhokonxwa komsindo nempindezeloigazi lakhe ndoliphalazela etyeni,khon' ukuze lingafihlakali.

9 “Ngako oko itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi:“Yeha, sixekondini segazi!Nam ndiza kufumba iinkuni!

10 Fumba iinkuni,uphembe eziko,uwubase umlilo,uyiphekisise inyama,uyigalele izinongo,uyipheke ade atshe amathambo.

11 Ndiya kuyibasela eziko imbiza ingasenanto,itshe ibe bomvu ngumlilo,ukuze kunyibilike izothe layonentshela itshe iphele.

12 Kaloku ayiva ukuhlala kwayo;intshela yayo ayisukinaxa seyifakwa umlilo.

13 “Ngoku izothe lakho bubufebe. Ngexesha endandizama ukuba ndikwenze ucoceke, akufunanga. Ke ngoko akuyi kucoceka de ingqumbo yam kuwe ithothe.

14 “Ndithethile mna Ndikhoyo. Lifikile ixesha lokuba ndenze. Andiyi kulibazisa. Andizi kuba nanceba, ndingayi kubuya mva. Uza kohlwaywa ngokwesimilo sakho nezenzo zakho. Nguwo lowo umlomo weNgangalala uNdikhoyo.”

Ukufa komfazi kaHezekile

15 Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:

16 “Mntundini, ngesithonga nje esinye ndiza kukuhlutha lowo umthanda kunene. Maze ungakhali, okanye wenze isililo, okanye ube nyembezana.

17 Uze ungqukruleke nje, kodwa ungamzileli lowo ufileyo. Uze uwuthwale umnqwazi wakho, neembadada zakho ungazikhululi, ungazigqumi iindevu zakho, ungakutyi ukutya kwesiqhelo komntu ozilileyo.”

18 Kusasa ke ndathetha nabantu, yaza inkosikazi yam yasweleka ngokuhlwa. Ngentsasa elandelayo ndenza ngokomyalelo.

19 Baza abantu bandibuza bathi: “Khawusixelele, thina singena phi apha?”

20 Ndaza ndathi kubo: “Ndive ilizwi likaNdikhoyo lisithi:

21 Xelela indlu kaSirayeli uthi: Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ndiza kusixabhela isibingelelo sam – inqaba yenu yeqhayiya, leyo ithi kuni: ‘Ndijonge,’ into eniyithanda kunene. Oonyana neentombi zenu enizishiyileyo ziza kubulawa ngekrele.

22 Niya kuxelisa mna: aniyi kuzigquma iindevu zenu, ningayi kukutya nokutya kwabazili njengesiqhelo.

23 Niya kuhlala niyithwele iminqwazi yenu, neembadada nosoloko nizinxibile. Aniyi kuzila, aniyi kulila, kodwa nosuka niye niphela ngokuphela emzimbeni ngenxa yesono senu; niya kungqukruleka nje kuphela.

24 Uya kuba ngumqondiso kuni uHezekile; niya kuxelisa yena. Xa kunjalo niya kwazi ukuba mna ndinguNdikhoyo iNkosi.

25 “Ke wena, mntundini, mhla ndayisusa inqaba yabo, uchulumanco nozuko lwabo, uvuyo lwamehlo abo, eyona nto ithe ngco ezintliziyweni zabo, kwanoonyana neentombi zabo,

26 uya kufika kuwe obhungcileyo ekuphathele iindaba.

27 Umlomo wakho uya kuvuleka ngoko nangoko; uya kuthetha naye kuba ungenakuthula. Ke ngoko uya kuba ngumqondiso kubo, baze baqonde ukuba ndinguNdikhoyo.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48