Uhezekile 42 XHO96

Amagumbi ababingeleli

1 Le ndoda yaya nam kwicala elingentla, sangena kwintendelezo yokuqala, yandisa kumagumbi ajongene nentendelezo yendlu kaThixo angqalene nodonga lwangaphandle emantla.

2 Indlu emnyango ujonge emantla yayinobude obungamashumi amahlanu eemitha nobubanzi obungamashumi amabini anantlanu eemitha.

3 Kumacala omabini, icala elaliziimitha ezilishumi ukusuka kwintendelezo ephakathi nakwicala elalingqalene nendlela yentendelezo engaphandle yayiyimigangatho emithathu yeevaranda ezijongeneyo.

4 Ngaphambi kwamagumbi kwakukho inyoba ebubanzi busisihlanu seemitha nobude obungamashumi amahlanu eemitha. Iminyango engena enyobeni yayijonge emantla.

5 Awona magumbi aphezulu ayemxinwa, kuba ayedlelelelwe ziivaranda kunalawo akumgangatho osezantsi nophakathi.

6 Amagumbi omgangatho wesithathu ayengenazo iintsika njengoko kwakunjalo kwintendelezo; ngako oko ayemancinane kunalawo omgangatho osezantsi nophakathi.

7 Kwakukho udonga olungaphandle olungqalene namagumbi kwanentendelezo engaphandle; ukusuka egumbini lwaluziimitha ezingamashumi amabini anantlanu.

8 Njengokuba uluhlu lwamagumbi ayame intendelezo engaphandle lwaluziimitha ezingamashumi amabini anantlanu ubude, olo lwalukwicala elisondele esibingelelweni lwalungamashumi amahlanu eemitha ubude.

9 Amagumbi asezantsi ayenesango elingasempumalanga xa uwavelela kwintendelezo engaphandle.

10 Kwicala langezantsi mayela nobude bodonga lwentendelezo yangaphandle olwayame intendelezo yendlu kaThixo kwakukho amagumbi

11 anenyoba ngaphambi kwawo. Ayefana namagumbi angasentla: ayefana ngobude, ububanzi, iminyango ilingana nokulingana. Iminyango yamagumbi angasentla

12 yayifana naleyo yamagumbi angasezantsi. Kwakukho umnyango ekungeneni kwenyoba eyayingqalene nodonga elibude bubhekise empuma, ekwakungenwa ngawo xa kuyiwa emagumbini.

13 Le ndoda yathi kum: “Amagumbi angasentla nangasezantsi ajonge intendelezo yendlu kaThixo ngawababingeleli, apho, xa besondela *kuNdikhoyo, batyela khona eyona minikelo ingcwele. Kulapho baya kugcina khona awona madini yeyona minikelo ingcwele – eyokutya, eyesono, neyetyala – kuba yindawo engcwele.

14 Bakuba ababingeleli bengene kulo mhlaba uwodwa abanako ukuphumela kwintendelezo engaphandle de babe bazishiye ngaphakathi izambatho ababesebenza ngazo, kuba zingcwele. Kufuneka bafake zambatho zimbi xa beza kusondela kumhlaba osikelwe abantu.”

15 Yakuba iwenzile umlinganiso wezinto ezaziphakathi kwenkundla yendlu kaThixo yaphuma nam ngesango lasempuma, yaza yenza umlinganiso weendonga zangaphandle jikelele.

16 Yenza umlinganiso wodonga lecala lasempuma ngoluthi lwayo lomlinganiso, yafumana iimitha ezingamakhulu amabini anamashumi amahlanu.

17 Yalinganisa iindonga zecala lasemantla, yafumana amakhulu amabini anamashumi amahlanu eemitha ngokoluthi lwayo lokulinganisa.

18 Yalinganisa iindonga zecala lasemazantsi, yafumana amakhulu amabini anamashumi amahlanu eemitha ngokoluthi lomlinganiso.

19 Yaza yaya kulinganisa iindonga zecala lasentshona, yafumana amakhulu amabini anamashumi amahlanu eemitha ngokoluthi lokulinganisa.

20 Ke ngoko yenza umlinganiso wamacala omane ale ndawo. Yayirhangqwe ludonga olubude buziimitha ezingamakhulu amabini anamashumi amahlanu, nobubanzi obuziimitha ezingamakhulu amabini anamashumi amahlanu. Olu donga lwalusahlula indawo engcwele kumndilili.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48