Uhezekile 4 XHO96

Umqondiso wokungqingwa kweJerusalem

1 Wathi kum *uNdikhoyo: “Ngoku ke, mntundini, thatha isitena, usibeke phambi kwakho, uze uzobe isixeko saseJerusalem kuso.

2 Wakugqiba uze usirhangqe ngezinto zokungqinga: yakha isithambeka sithi nca kuso, usijikeleze ngeekampu zamajoni, uze usirhangqe ngezigodo zokudiliza iindonga.

3 Wakuba wenjenjalo uzuthathe intsimbi emcaba, uyibeke njengodonga phakathi kwakho nesixeko, ujike ujonge kuyo. Ngaloo ndlela ke uya kuba usingqingile isixeko. Le nto ke iya kuba ngumqondiso kwindlu kaSirayeli.

4 “Ngoku ke ngqengqa ngecala lasekhohlo, ube ngokwenjenjalo usithabathele kuwe isono sendlu kaSirayeli. Esi sono ke siya kuba sesakho zonke iintsuku ulele ngecala.

5 Ndikusikele iintsuku ezinani lilingana nenani leminyaka yokreqo lwendlu kaSirayeli. Ngoko ke uya kusithwala isono sayo iintsuku ezingamakhulu amathathu namashumi alithoba.

6 “Wakuba ukufezile oku, uze uphinde ungqengqe, kodwa ngoku ngecala lasekunene, ube ngokwenjenjalo usithabathela kuwe isono sendlu kaJuda. Ndikusikele iintsuku ezingamashumi amane; usuku ngalunye lumele unyaka.

7 Jika ujonge kwiJerusalem engqingiweyo, ukhomba-khomba oku komshumayeli.

8 Mna ndiya kukubophelela ngeentsontelo, ukuze ungabi nako ukuguquka de ziphele iintsuku zokungqinga kwakho.

9 “Thatha ingqolowa nerhasi, iimbotyi neelentile, imíleti nespeliti, uzigcine engqayini ukuze wenze ukutya ngazo. Uya kutya oku kutya ngeentsuku ezingamakhulu amathathu namashumi alithoba ulele ngecala.

10 Uze wenze umlinganiselo onganeno nje kwekota yekhilogram yokutya omawukutye ngosuku ngamaxesha amiselweyo.

11 Kwakhona uya kwenza umlinganiselo ongaphezulwana kwesiqingatha selitha yamanzi oya kuwasela ngamaxesha amiselweyo.

12 Oku kutya kugcade ngomlilo wamalongwe omntu, abantu bejongile, ukutye ngokungathi utya iqebengwana lerhasi.”

13 Waza wathi uNdikhoyo: “Baya kwenjenjalo abantu bakwaSirayeli ukudla ukutya okungcolileyo xa bephakathi kweentlanga endiya kubasarhaza phakathi kwazo.”

14 Ndathi ke mna: “Makungabi njalo, Ngangalala Ndikhoyo! Mna andizange ndilenze isikizi elinje. Ebutsheni bam kude kube ngoku andizange ndiyitye inyama yento efileyo okanye eqwengwe ngamarhamncwa. Andizange ndayifaka kowam umlomo inyama engàtyiwayo.”

15 “Kulungile ke,” utshilo. “Ndiyavuma ukuba isonka sakho usigcade ngomlilo wamalongwe enkomo endaweni yamalongwe omntu.”

16 Waza wathi kum: “Mntundini, ndiza kukunqamla ukungena kokutya eJerusalem. Abantu baya kufumana umxhesho wokutya namanzi, bahlale exhaleni nasekumatshekeni.

17 Ukutya namanzi aya kunqaba. Baya kukhamnqa xa omnye ejonge omnye; baya kungcungcutheka ngenxa yesono sabo.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48