Uhezekile 25 XHO96

Udaba olukhaba ama-Amon

1 Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:

2 “Mntundini, bhekisa kuwo ama-Amon, uwakhalimele,

3 uthi: Yivani izwi leNkosi uNdikhoyo: Ithi iNgangalala uNdikhoyo: Ngenxa yokuba nathi: ‘Tshotsho!’ kwisibingelelo sam mhla saxajelwa, nakwilizwe lakwaSirayeli mhla labhukuqwa, nakwisizwe sakwaJuda mini sathinjwa,

4 ke mna ndiza kuninikezela kwisizwe sasempuma, nize nibe sezandleni zaso. Baya kumisa iikampu zabo, beme phakathi kwenu; baya kuzitya iziqhamo zenu, bawatye amasi eenkomo zenu.

5 IRabha ndiya kuyenza ibe lidlelo leenkamela; yona iAmon yoba ligquba leegusha. Xa kunjalo ke niya kundazi ukuba ndinguNdikhoyo.

6 Kaloku itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Naqhwaba izandla, nadyusha ngenxa yemincili, nalivuyelela izwe lakwaSirayeli.

7 Ngenxa yoko ndiza kusolula isandla sam, ndinenze nibe lixhoba leentlanga. Ndiya kuninqamla kwezinye izizwe, ubuzwe benu bufadalale. Ndiya kunibhubhisa nitsho nazi ukuba uNdikhoyo ndim.”

Udaba olukhaba amaMowabhi

8 Itsho iNkosi *uNdikhoyo ukuthi: “IMowabhi neSeyire zithi: ‘Jonga, indlu kaJuda ifana nezinye izizwe ngoku.’

9 Ngenxa yoko ndiza kuliyekela ngeentshaba ilizwe laseMowabhi, nditsho iqhayiya layo, izixeko zayo ezisemdeni, iBhete-yeshimoti, iBhali-meyon, neKiriyatayim.

10 IMowabhi kwakunye nama-Amon ndiza kuyinikezela ibe lilifa lezizwe zasempuma, khon' ukuze ama-Amon angaze akhunjulwe ezimbalini zezizwe.

11 Ndiza kuyohlwaya iMowabhi. Iya kutsho indazi ukuba ndinguNdikhoyo!”

Udaba olukhaba iEdom

12 Itsho iNkosi *uNdikhoyo ukuthi: “IEdom ikhuphe isixhiba kwindlu kaJuda, yaza ngokwenjenjalo yanetyala elikhulu.

13 Ngenxa yoko iNgangalala uNdikhoyo ithi: Isandla sam ndiya kusolulela e-Edom, ndibulale abantu nemfuyo yabo. Ndiya kuyitsho ibharhe, ndibabulale ngekrele ukusuka eTeman kuye kutsho eDedan.

14 IEdom ndiya kuyiphindezela ngesandla sabantu bam amaSirayeli, abaya kwenza kwiEdom ngokwengqumbo nomsindo wam. Baya kuyazi impindezelo yam, itsho iNkosi uNdikhoyo.”

Udaba olukhaba amaFilistiya

15 Itsho iNkosi *uNdikhoyo ukuthi: “AmaFilistiya aziphindezele ngenzondo, kuba iintliziyo zawo zithe minxi yinkohlakalo ezalwa bubutshaba obudala, bezimisele ukumtshabalalisa uJuda.

16 Ngenxa yoko iNgangalala *uNdikhoyo ithi: Ndiza kusolula isandla sam side sifike kumaFilistiya, ndiwatshabalalise amaKrete, ndide ndigqogqe nalawo emi phezu konxweme lolwandle.

17 Ndiya kuziphindezela ngamandla kuwo, ndiwohlwaye ndinomsindo. Xa sendiziphindezela baya kundazi ukuba ndinguNdikhoyo.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48