Uhezekile 16 XHO96

IJerusalem engathembekanga

1 Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:

2 “Mntundini, yixelele iJerusalem ngezenzo zayo ezinezothe,

3 uthi: Itsho iNkosi uNdikhoyo kwiJerusalem ukuthi: Imvelaphi nenkaba yakho ikwilizwe lamaKanana; uyihlo ngumAmori, unyoko engumHiti.

4 Ayisikwanga inkaba yakho mhla wazalwa; awuhlanjwanga nangamanzi ukuze ucoceke; awuhlikihlwanga nangetyuwa; awusongelwanga nangengubo.

5 Akubangakho mntu uvelanayo nawe, ukuze abe nemfesane akwenzele ezi zinto. Kodwa suka walahlelwa phandle, kuba ubujongelwe phantsi mini wazalwa.

6 “Ndathi ndidlula ndakubona ukhaba-khaba egazini lakho, ndaza ndathi, ulele njalo egazini lakho: ‘Phila!’

7 ndakukhulisa okwesihluma edlelweni. Wakhula wahluma waba njengelona litye lihle kumatye aqaqambileyo, antshula amabele akho, zakhula neenwele zakho, kodwa wawuze.

8 “Ndadlula kwakhona emva kwexesha, ndathi ndakukujonga ndabona intombi eseyifikisile, ndaza ndakwambathisa ngesondo lengubo, ndabufihla ubuze bakho. Ndafunga ndenza umnqophiso nawe, waba ngowam ke ngoko, itsho iNkosi uNdikhoyo.

9 “Ndakufaka emanzini, ndalihlamba igazi kuwe, ndakuthambisa ngamafutha.

10 Ndakunxiba ilokhwe ehonjisiweyo, ndakufaka iimbadada zothwathwa, ndakunxiba ilinen ecikiziweyo, ndakwambesa iingubo zexabiso.

11 Ndakuhombisa ngamatye anqabileyo, ndakufaka izacholo ezingalweni nentsimbi yomqala entanyeni yakho.

12 Ndaza ndakufaka amacici empumlweni nasezindlebeni zakho, ndakuthwalisa isithsaba esihle entloko.

13 Ewe, wawuhombe ngegolide nesiliva; izinxibo zakho zizezelinen ecikiziweyo nelaphu lexabiso elihonjisiweyo. Ukutya kwakho ibingowona mgubo ucoliweyo, nobusi, namafutha omnquma. Waba mhle kakhulu ngokungathi ungukumkanikazi.

14 Udumo lwakho lwaba ngundaba-mlonyeni ezizweni ngenxa yobuhle bakho, kuba ubuqheleqhele endikunike bona babenza babalasela ubuhle bakho, itsho iNkosi uNdikhoyo.

15 “Wasuka wathembela kubuhle bakho, lwaza udumo lwakho lwakwenza walihenyukazi. Waba lukhuko lwabahambi, baza ubuhle bakho bangobabo.

16 Enye impahla yakho wenza ngayo isibingelelo sokunqula izithixo apho waqhuba khona izenzo zobuhenyukazi. Azenziwa ezo zinto, kungekho mfuneko yokuba zenzeke.

17 Izihombiso zam endandikunike zona, zegolide nesiliva yam, wasuka wenza ngazo *izithixo ezingamadoda, wahenyuza nawo.

18 Wazambathisa ngezinxibo zakho ezihonjisiweyo, wanikezela kuzo ngamafutha neziqhumiso zam.

19 Kwanokutya endandikunike kona – owona mgubo ucoliweyo, amafutha omnquma, nobusi – wakwenza umnikelo ovumba limnandi kuzo. Ewe, kwenzeka oku, itsho iNkosi uNdikhoyo.

20 “Wathatha oonyana neentombi zakho obundizalele zona, wenza ngazo idini lokutya kwezithixo. Bebunganele na ubuhenyukazi bakho?

21 Wabaxhela abantwana bam, wenza idini lezithixo ngabo.

22 Kuzo zonke izenzo zakho ezinezothe nobuhenyukazi bakho akuzikhumbulanga iimini zobutsha bakho xa wawuze ukhaba-khaba egazini lakho.

23 “Yeha! Yeha, wena! Itsho iNgangalala iNkosi uNdikhoyo. Ngaphezu kwayo yonke inkohlakalo yakho

24 uzakhele ingqumba yamatye, waza wenza isibingelelo kuzo zonke iindawo eziphangaleleyo esixekweni.

25 Ekungeneni kwesitalato ngasinye wakhe isibingelelo sakho, waza ngokwenjenjalo wabugqwalisa ubuhle bakho ngokunikezela ngomzimba wakho nakubani na odlula ngendlela.

26 Ngaphezu koko uhenyuze namaJiputa angabamelwane bakho atshatshele ngobudoda, waza ngokwenjenjalo wandixhokonxa ngenxa yamanyala akho angaphele ndawo.

27 Mna ke ndisolule isandla sam ndakohlwaya, ndawanciphisa amalungelo akho, ndakuyekela kwiminqweno yeentshaba zakho, nditsho iintombi zamaFilistiya ezaba nomothuko omkhulu bubufebe bakho.

28 Uhenyuzile nawo nama-Asiriya; kaloku awaneli!

29 Waphumela naseBhabheli, umhlaba wabarhwebi, nalapho awanela.

30 “Hayi, ububhetye-bhetye bakho, itsho iNkosi uNdikhoyo. Xa usenza zonke ezi zinto uziphatha okwehenyukazi eliphoxekileyo.

31 Xeshikweni usakha iingqumba zakho zamatye ekungeneni kwazo zonke izitalato, usenza nezibingelelo zakho kuzo zonke iindawo zesixeko eziphangaleleyo, ube wahlukile kwamanye amahenyukazi, kuba ubuyichasile intlawulo.

32 “Mfazindini okrexezayo! Wena ufuna abahambi endaweni yomyeni wakho!

33 Amanye amahenyukazi ahlawulwa umrhumo, kodwa wena ubapha izipho bonke abalala nawe, ubanyobe ukuze baphume kuzo zonke iindawo ukuza kulala nawe.

34 Ke ngoko wahlukile kwamanye amahenyukazi; awulandelwa. Wahlukile wena, kuba uyahlawula endaweni yokunikwa umrhumo.

35 “Ngoku ke, henyukazindini, phulaphula ilizwi likaNdikhoyo!

36 Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ekubeni ubutshiseka, waza wahamba ze xeshikweni usenza amanyala namadoda akho, ngenxa yezithixo zakho ezinezothe, othe wanikezela ngegazi labantwana bakho kuzo,

37 ngoko ke ndiza kuwaqokelela onke amadoda akho abekuvisa ubumnandi ngokulala nawe, onke bethu, lawo ubuwathanda nalawo ubuwacaphukela. Ndiza kuwaqokelela kuzo zonke iindawo, ndize nawo phambi kwakho, ndikuhambise ze, abubone ubuze bakho.

38 Ndiza kukugwebela isohlwayo sabafazi abakrexezayo nabaphalaza igazi; ndiza kuwukhuphela kuwe wonke umsindo wam wempindezelo yegazi nobukhwele.

39 Emva koko ndiya kukunikezela kumakrexe akho; aya kuzidiliza ingqumba zakho zamatye, aziwise izibingelelo zakho. Aya kuyikhulula impahla yakho, azihluthe izihombo zakho zamatye anqabileyo amahle, akushiye uze ungenanto.

40 Aya kukubizela isihlwele sikuxulube ngamatye, sikutyakatye ngamakrele.

41 Siya kuzitshisa izindlu zakho, sikohlwaye, abanye abafazi bejongile. Ewe, ndiza kukwenza ukuyeke ukuhenyuza, uyeke nokuhlawula amakrexe.

42 Uya kuthotha ke umsindo wam kuwe, ngokunjalo buphele nobukhwele. Ndiya kuthi cwaka ndingabi sakhathazeka.

43 “Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ndiya kukwenza ulithwale ityala laloo nto uyenzileyo, kuba akuzikhumbulanga iimini zobutsha bakho, ngoko undenze ndaqumba ngenxa yoko ukwenzileyo. Akongezanga amanyala na phezu kwamanyundululu owenzileyo?

44 “Wonke umntu othanda ukuzekelisa ngamaqhalo uya kuzekelisa ngeli qhalo xa athetha ngawe: ‘Ufuzo luyegqithisa.’

45 Kaloku umfuzile unyoko, kuba yena wamdela umyeni wakhe kunye nabantwana bakhe; ukwangumgubo wengxowa enye noodade wenu abâthi bona babadela abayeni babo nabantwana babo. Unyoko wayengumHiti, uyihlo engumAmori.

46 Udade wenu omkhulu wayenguSamariya owayehlala ngentla kwakho neentombi zakhe; udade wenu omncinci, owayehlala ngezantsi kwakho neentombi zakhe, wayenguSodom.

47 Akwanelanga kukuhamba ekhondweni labo nokulinganisa amanyundululu abo, koko ubethe wegqitha kubo ngokwenza ububi.

48 Ndiyafunga, itsho iNkosi uNdikhoyo, udade wenu uSodom akazenzanga izinto ozenzileyo wena neentombi zakho.

49 “Nali ityala lodade wenu uSodom: Yena neentombi zakhe bebeziphakamisile bengaswele nto, bengakhathalele mntu; babengeloncedo kwabangamahlwempu nakwabasweleyo.

50 Babezitsho, besenza amanyundululu phambi kwam. Ngoko ndabatshabalalisa njengoko nawe wabonayo.

51 Izono zikaSamariya azisiso nesiqingatha sezakho; amanyundululu owenzileyo angaphezu kwawabo, into etsho oodade wenu babe ngamalungisa xa bethelekiswa nawe ngezinto ezimbi ozenzileyo.

52 Lithwale ihlazo lakho, kuba kaloku utsho baxoleleka oodade wenu. Ngenxa yokokuba izono zakho bezizibi ngaphezu kwezabo, baba ngathi banobulungisa obungaphezu kobakho. Ngoko ke yiba neentloni, ulithwale ihlazo lakho, kuba kaloku utsho oodade wenu banjengamalungisa.

53 “Kodwa ke noko ndiya kumbuyisela endaweni yakhe uSodom neentombi zakhe, ngokunjalo noSamariya neentombi zakhe, ngokunjalo nawe,

54 ukuze ulithwale ihlazo lakho lokwenza izinto ezitsho bazibona bengamalungisa.

55 Oodade wenu uSodom neentombi zakhe, noSamariya neentombi zakhe, baza kubuyela kwimbo yabo; nawe neentombi zakho uza kubuyela kwimbo yenu.

56 Xeshikweni useneqhayiya ubucekisa nokuthetha oku ngoSodom,

57 kuba kaloku ubugwenxa bakho babusafihlakele. Kodwa ngoku iintombi zase-Edom nabo bonke abamelwane bazo zikujongele phantsi, ngokunjalo iintombi zamaFilistiya nabo bonke abakungqongileyo.

58 Uthi uNdikhoyo: Úza kulithwala ityala lamanyala namanyundululu akho.

59 “Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ndiza kukuphatha ngendlela ofanele ukuphathwa ngayo, kuba kaloku uzibizele isiqalekiso ngokuwutyeshela umnqophiso.

60 Kodwa ke noko ndiza kuwukhumbula umnqopiso endawenza nawe xa wawusemtsha, ndize ndenze umnqophiso nawe oya kuhlala uhleli.

61 Uya kuthi ke uzikhumbule izenzo zakho, ube neentloni xa usamkela oodade wenu abakhulu kunawe nabancinane kunawe. Ndobanikela kuwe njengeentombi, naxa ndingayi kubabandakanya kumnqophiso wethu sobabini.

62 Ndiza kuwuzinzisa umnqophiso wam nawe, ukuze wazi ukuba ndinguNdikhoyo.

63 Xa ndikuxolela ngako konke okwenzileyo uya kukhumbula, zikuphathe iintloni, uze ungabuye uwuvule nokuwuvula oku umlomo ngenxa yokuthobeka kwakho, itsho iNgangalala uNdikhoyo.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48