Uhezekile 38 XHO96

Ukukhatywa kukaGogi

1 Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:

2 “Mntundini, bhekisa kuGogi welizwe laseMogogi, inkosi enkulu yaseMesheki naseTubhali; umkhalimele

3 uthi: Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ndiyalwa nawe, Gogi, nkosi enkulu yaseMesheki naseTubhali.

4 Ndiya kukujika, ndifake amagwegwe emihlathini yakho, ndikurhuqe nomkhosi wakho uphela, amahashe akho, umkhosi okhwele amahashe otsho ngezingaziwayo izivatho, isihlwele sonke siphethe amakhaka neengweletshetshe, bonke beqhiwule amakrele abo.

5 IPeshiya neKushe nePuti ziya kuba phakathi kwabo, bonke bephethe amakhaka, benxibe iminqwazi yokuzikhusela,

6 neGomere nomkhosi wayo uphela, neBhete-togarma iya kuvela kwelikude emantla nomkhosi wayo wonke, intlaninge yezizwe ezilapho kuwe.

7 “Lunga, uhlale uchophile; nelo bandla ulihlanganisileyo uhlale uligqalile.

8 Emva kweentsuku ezininzi uya kufunzwa umkhosi wakho. Kwiminyaka ezayo uya kuhlasela ilizwe elinoxolo, elibantu balo bahlanganiswe kwintlaninge yezizwe baza kutsho kwiintaba zakwaSirayeli ebekusoloko kusenkangala kuzo. Bakhutshwe ezizweni, ke ngoku bahleli bengalindele ngozi.

9 Wena nomkhosi wakho uphela nentlaninge yezizwe niya kunyuka nivuthuza okwesiphango; niya kufana nelifu eligubungele umhlaba.

10 “Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ngaloo mini uya kuceba iqhinga elingendawo.

11 Uya kuthi: ‘Ndiza kuhlasela ilizwe elidolophu zingenandonga zikhuselayo; ndiza kuhlasela abantu boxolo bengalindele ngozi – bonke behlala apho kungekho zindonga zikhuselayo nazingcango namivalo.

12 Ndiya kuthimba ndityhuthule, ndithathe amaxhoba, ndonakalise kwezo zixeko bezifudula zingamanxuwa nabantu bazo abaqokelelwe ezizweni, abazizityebi ngemfuyo nangempahla, abahlala esizikithini selizwe.’

13 IShebha neDan nabarhwebi baseTashishe neelali zayo zonke baya kuthi kuwe: ‘Uze kuthimba na? Eli bandla uliqokelelele ukuza kutyhuthula na? Liza kumka nesiliva negolide nemfuyo nempahla jikelele ngokuyithimba?’

14 “Ngoko ke, mntundini, shumayela uthi kuGogi: Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ngaloo mhla xa abantu bam amaSirayeli behleli bengalindele ngozi akuyi kuyiqaphela na loo nto?

15 Uya kuphuma endaweni yakho kwelikude emantla, uhambe nentlaninge yezizwe, zonke zikhwele amahashe, ibandla elikhulu, umkhosi onamandla.

16 Uya kuhlasela abantu bam amaSirayeli okwelifu ligqume umhlaba. Kwimihla ezayo, Gogi, ndiya kukwenza uhlasele ilizwe lam, ukuze zazi izizwe ukuba ndingcwele xa ndizibonakalisa kuwe zijongile.

17 “Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Akunguye na lowo ndakha ndathetha ngaye ngezicaka zam *abashumayeli bakwaSirayeli? Ngelo xesha bashumayela ngeminyaka ezayo besithi ndiya kukwenza ubahlasele.

18 Ngaloo mhla kuya kwenzeka oku: Xa uGogi ehlasela ilizwe lamaSirayeli ndiya kuvukwa ngumsindo oshushu, itsho iNkosi uNdikhoyo.

19 Ngenxa yekhwele nomsindo wam ndathi: Ngenene kuya kubakho inyikima enkulu elizweni lakwaSirayeli.

20 Iintlanzi elwandle, iintaka esibhakabhakeni, izilo endle, nazo zonke izilwanyana ezirhubuluzayo emhlabeni, nabo bonke abantu ehlabathini baya kungcangcazela ngenxa yobukho bam. Ziya kubhukuqwa iintaba; aya kudilika amawa, nazo zonke iindonga ziwe phantsi.

21 Ndiya kumema amakrele kuzo zonke iintaba zam ukuza kutyakatya uGogi, itsho iNgangalala uNdikhoyo. Abacala-nye baya kubulalana.

22 Ndiya kumohlwaya ngobhubhani nangobugwinta; ndiya kunisa izandyondyo zemvula, isichotho nesalfure evuthayo phezu kwakhe naphezu komkhosi wakhe nezo zizwe ahamba nazo.

23 Ndiya kuba ndibonisa ubungangamsha bam; ndibe ke ndiyazazisa kwintlaninge yezizwe. Baya kuqonda ukuba mna ndinguNdikhoyo.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48