Uhezekile 23 XHO96

Ukungathembeki kuNdikhoyo kweSamariya neJerusalem

1 Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:

2 “Kwakukho abafazi ababini abâzalwa beziintombi zomfazi omnye.

3 Babengamahenyukazi kwaseJiputa beselula. Apho kwelo zwe babephathwa-phathwa amabele, becofwa-cofwa iingono.

4 Igama lalo mkhulu lalinguOhola, udade wabo omncinane inguOholibha. Yayingabam, baza bandizalela oonyana neentombi. UOhola yiSamariya, uOholibha yiJerusalem.

5 “UOhola wabuqala ubuhenyukazi esengowam, wasemva kwezithandwa zakhe, ama-Asiriya, amadoda omkhosi,

6 wona egaxele impahla yawo ezuba; ewe, abalawuli nabaphathi-mkhosi, onke ingamagatyana anomkhitha nomfaneleko xa ekhwele emahashini awo.

7 Waba lihenyukazi lazo zonke izinxiba-mxhaka zaseAsiriya, wazenyelisa ngezithixo zabo bonke awayebabawela.

8 Akabuyekanga ubuhenyukazi awayebuqale eJiputa ebutsheni bakhe, apho abafana babelala naye, bamphatha-phathe amabele, bemnyumbazela ukufeba.

9 “Ndasuka ke mna ndamyekela kwizithandwa zakhe ama-Asiriya awayezilangazelela.

10 Zamhluba, zabathatha oonyana neentombi, zaza yena zamtyakatya ngekrele. Waba ngundaba-mlonyeni kwabanye abafazi, waza wohlwaywa.

11 “Udade wabo uOholibha wakubona konke oku, kodwa wagabadela kunodade wabo ngobufebe nobuhenyukazi.

12 Naye wafeba nama-Asiriya, abalawuli nabaphathi-mkhosi, amadoda omkhosi egaxele impahla yawo, ekhwele emahashini awo, onke ingamagatyana anomkhitha.

13 Naye ndambona ezinyelisa ngokuhamba ngekhondo lodade wabo.

14 “Wade wagqithisa. Wabona imifanekiso yamadoda aseBhabheli izotywe eludongeni ngepeyinti ebomvu,

15 ebhinqe iibhanti zawo, ethwele iiqhiya ezibhabha emoyeni, yaza yanga ngamagosa omkhosi weenqwelo zokulwa zaseBhabheli, amaKaledi ngokwawo.

16 Uthe akuyibona le mifankeso wawalangazelela la madoda, wathumela izigidimi kuwo kwelamaKaledi.

17 Agaleleka ke amadoda aseBhabheli, angena emandlalweni, alala naye. Kamva asuke aba nezothe kuye, wawalahla.

18 Uthe akubuqhuba phandle ubuhenyukazi, wangumntu ongawukhathaleleyo umzimba wakhe, ewuhluba engenantloni, nam ndamlahla, ndaxelisa mini ndalahla udade wabo.

19 “Wasuka waya ehambela phambili emanyaleni ngokungathi ukhumbula ubutsha bakhe bobuhenyukazi eJiputa.

20 Wayefeba nezithandwa zakhe ezibudoda bufana nobedonki nezimchamela okwehashe.

21 Kube njalo ke ukulangazelela iintlondi zobutsha bakho eJiputa apho wawuphathwa-phathwa amabele, ucofwa-cofwa iingono.

22 “Ngako oko, Oholibha, iNgangalala uNdikhoyo ithi: Ndiza kuzifunza kuwe izithandwa zakho, eziya ubuzilahle kuba uzenyanya; ziza kuphuma macalana onke:

23 ezaseBhabheli namaKaledi, abafo basePekodi, eShowa, naseKhowa, nawo onke ama-Asiriya, amagatyana, abafana abanomkhitha, abalawuli, abaphathi-mkhosi, amagosa eenqwelo zokulwa, nezinye izithwala-ndwe, bonke bekhwele emahashini abo.

24 Baza kukuhlasela ngezixhobo, ngeenqwelo zomkhosi, nezinye iinqwelo, kwakunye nesihlwele sabantu; uya kurhawulwa macalana onke ngabantu abaphethe amakhaka neengweletshetshe, benxibe iminqwazi yesinyithi. Ndiya kukunikezela kubo ukuze bakohlwaye ngokwesiko labo.

25 Ndiya kuwukhuphela kuwe umsindo wobukhwele bam, nawe uya kuwuva umsindo wabo ovuthayo. Baya kukususa impumlo neendlebe, aze amasalela abulawe ngekrele. Baya kubathimba oonyana bakho neentombi, baze abaseleyo baphoswe emlilweni.

26 Baya kukukhululisa impahla, bazihluthe izihombo zakho.

27 Ndiya kuphelisa ubufebe nobuhenyukazi owabuqala eJiputa. Uza kuyeka ukuzilangazelela ezo nto, uyilibale neJiputa.

28 “Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ndiza kukunikezela kwabo ubathiyileyo, abo ubafulathele kuba benezothe.

29-30 Baza kuyikhuphela kuwe intiyo yabo, bazihluthe izinto ozibileleyo. Baya kukushiya uze, ihlazo lobuhenyukazi lakho litshiswe lilanga. Konke oku kungenxa yobufebe namanyala akho, kuba kaloku unqwenele ezinye iintlanga waza wazigqwalisa ngezithixo zazo.

31 Ulandele ikhondo lodade wenu; ngako oko uza kurhabula kwindebe yakhe.

32 “Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi:“Uya kurhabula kwindebe yodade wenu enomthamo omkhulu;iya kukuzisela ukuphoxeka, kuba ithwele lukhulu.

33 Uya kunxila kube lusiziyindebe yokuphalala nembubho,indebe yodade wenu uSamariya.

34 Uya kuyisela uyifince;uya kuyicumza ibe ziingceba,uwaphale amabele akho.Ndithethile, itsho iNgangalala uNdikhoyo.

35 “Ngoko ke itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Kuba usuke wandilibala, wandifulathela, uza kusithwala isono sokufeba nobuhenyukazi bakho.”

36 Wathi kum uNdikhoyo: “Mntundini, bagwebe oo-Ohola no-Oholibha! Baxelele ngezenzo zabo ezibi,

37 kuba bakrexezile, baza baphalaza igazi. Bakrexezile nezithixo zabo; bade benza amadini ngabantwana babo ababendizalele bona, batyisa izithixo.

38 Naku abakwenzileyo kum: kwangelo xesha basigqwalisile isibingelelo sam, bawunyelisa *noMhla wam wokuPhumla.

39 Kanye ngalo mhla benza idini ngabantwana babo kwizithixo zabo, bangena esibingelelweni sam, basigqwalisa. Nantso ke into abayenzileyo endlwini yam.

40 “Bade bathumela izigidimi emadodeni, afika evela kude, aza athi akufika nahlamba umzimba, nisenzela wona, naqaba amehlo, nafaka izihombo zenu.

41 Nahlala esofeni emfuma-mfuma, kwamiswa itafile phambi kwayo, ithwele iziqhumiso namafutha am.

42 “Kwavakala intswahla yesihlwele sabantu abagcobileyo kuloo ndawo wayekuyo; amaSabheya entlango eza nomxukuxela, aza afaka izacholo ezingalweni zomfazi lowo nodade wabo, abathwalisa nezithsaba entloko.

43 Ndaza ndathi ngalowo selegqityiwe kukukrexeza: ‘Ke ngoku mabamqhube njengehenyukazi, kuba kakade ulilo.’

44 Balala naye ke. Ngokwamadoda elala nehenyukazi balala nazo ezo zifebe zabafazi uOhola no-Oholibha.

45 Kodwa wona amadoda angamalungisa aya kubohlwaya ngesohlwayo sabafazi abakrexezayo nabaphalaza igazi, kuba bengabakrexezi abazandla zibomvu ligazi.”

46 Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: “Babizele imbizo barhwaqeliswe baphangwe.

47 Imbizo iya kubaxuluba ngamatye, ibatyakatye ngamakrele; iya kubulala oonyana neentombi zabo, itshise izindlu zabo.

48 “Ndiya kwenjenjalo ukuphelisa ubufebe kweli lizwe, khon' ukuze bonke abafazi balulekwe, bangahambi ekhondweni lenu.

49 Niza kohlwaywa ngobufebe benu nangezono zenu zokunqula *izithixo. Kwakuba njalo ke niya kwazi ukuba ndiyiNkosi uNdikhoyo.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48