Uhezekile 17 XHO96

Amakhozi amabini nomdiliya

1 Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:

2 “Mntundini, thetha ngesafobe, wenzele indlu kaSirayeli umzekeliso.

3 Yithi kubo: Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: ELebhanon kwakha kwafika into enkulu yokhozi emaphiko omeleleyo, eentsiba zinde zishinyeneyo zimabala-bala, laza lee ngcu phezu komsedare,

4 lanqothula elona sebe liphezulu, lemka nalo, laya kwilizwe labarhwebi, laza lalityala kwesinye sezixeko zorhwebo.

5 Lathatha imbewu kwilizwe lenu, laya kuyityala kumhlaba otyebileyo. Layityala okomngcunube kwindawo enamanzi amaninzi,

6 yantshula yaba ngumdiliya omfutshane oxandileyo. Amasebe awo ajonga kulo ukhozi, kodwa zona iingcambu zahlala ngaphantsi. Yaba ngumdiliya oxandileyo ke, otsho ngamasebe ayokozela amagqabi.

7 “Kodwa lalukho nolunye ukhozi olumaphiko omeleleyo neentsiba ezishinyeneyo. Ke ngoku iingcambu zomdiliya zanabela ngakulo ukusuka kule ndawo umdiliya utyalwe kuyo, namasebe axandela kulo ukufuna amanzi.

8 Wawutyalwe kumhlaba otyebileyo, kufuphi namanzi amaninzi, ukuze uhlume, ukhule, uvelise iziqhamo, ube yinzwakazi yomdiliya.

9 “Yithi kubo: Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ngaba lo mdiliya uza kuchuma na? Awusayi kuncothulwa na lukhozi lokuqala, lunqothule zonke iziqhamo zawo, uze ubune? Amahlumelo awo onke aya kubuna. Xa uncothulwe emhlabeni akuyi kubakho mfuneko yandoda isisigantsontso okanye iqela labantu.

10 Khona ukuba uphinde watyalwa kwenye indawo uya kukhula na? Awukubuna mpela na xa kuthe kwavuthuza ulophu, ubune umi kuloo ndawo ubukhula kuyo?”

11 Ndeva ilizwi likaNdikhoyo lisithi:

12 “Yithi kwindlu yoonkanishe: ‘Ngaba aniyazi intsingiselo yezi zinto?’ Yithi kubo: ‘Ukumkani waseBhabheli waya eJerusalem, wamthimba ukumkani walapho nezinxiba-mxhaka zakhe, wabasa eBhabheli,

13 waza wakhetha omnye kwabegazi, wenza isivumelwano naye, wamfungisa. Wawasusa amadoda amakhulu esizwe,

14 khon' ukuze ubukumkani buhle, bungabi nakuphakama, bume buyiloo nto ngokugcinwa kwesivumelwano nokumkani waseBhabheli.

15 Kodwa ukumkani waseJerusalem wamvukela owaseBhabheli, waza wathuma izithunywa eJiputa ukuba ancedwe ngamahashe nomkhosi omkhulu. Ngaba uya kuphumelela? Ngaba umntu owenza izinto ezilolu hlobo uyasinda; nditsho ofumana asikhabe isivumelwano?’

16 “Ndiyafunga, itsho iNkosi uNdikhoyo, úya kufela eBhabheli, kwilizwe laloo kumkani wayembekile waza wasidela isifungo asenze naye, wasaphula isivumelwano.

17 Ukumkani waseJiputa nomkhosi wakhe oqinileyo oyinyambalala akasayi kumnceda nganto emfazweni, xeshikweni kusakhiwa izikanisi nezinye izixhobo zokungqinga ukuze kufe inyambalala yabantu.

18 Usidelile isifungo ngokutyeshela umnqophiso. Akayi kusinda, kuba kaloku uzenza zonke ezi zinto ekubeni ebevumelene.

19 “Ke ngoko ithi iNkosi uNdikhoyo: Ndiyafunga, ndiza kumohlwaya kuba uzibizele isiqalekiso ngokuwutyeshela umnqophiso.

20 Ndiza kumthiyela ngezabatha zam, ndimbambise. Ndiza kuza naye eBhabheli, ndize ndimohlwayele apho, kuba engathembekanga kum.

21 Wonke umkhosi wakhe osabayo uya kubulawa ngekrele, ize intsalela iphalale. Ngoko niya kundazi ukuba mna Ndikhoyo ndithethile.

22 “INkosi uNdikhoyo ithi: Mna ngokwam ndiya kukha isebe eliphezulu lomsedare, ndilityale; ndiya kukha ingetye-ngetyana yesebe kwawona aphezulu emthini, ndilityale encotsheni yentaba ephakamileyo.

23 Ndiya kulityala kweleentaba zakwaSirayeli; liya kutsho ngamasebe, livelise iziqhamo, libe ngumsedare wodidi. Iintlobo-ntlobo zeentaka ziya kwakha iindlwana zazo kuwo; ziya kuhlala emthunzini wamasebe awo.

24 Yonke imithi yasendle iya kundazi ukuba mna Ndikhoyo ndiyawuwisa umthi omde, omfutshane ndiwenze ube mde. Ndiya wenza ubune umthi oluhlaza, ndiwuhlumise umthi obusowomile.“Ndithethile nje mna Ndikhoyo, ndiya kukwenza oko.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48