Uhezekile 6 XHO96

Ukuchaswa konqulo-zithixo

1 Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:

2 “Mntundini, zikhangele iintaba zakwaSirayeli, ushumayele uzikhalimele,

3 uthi: Zintabandini zakwaSirayeli, liveni izwi leNkosi uNdikhoyo. Ithi iNgangalala uNdikhoyo kwiintaba neenduli, iingxingwa neentlambo: Ndiza kunibetha ngemfazwe, ndizitshabalalise iindawo zenu zonqulo eziphakamileyo.

4 Ndiza kuwadiliza amaqonga enu amadini, ndiwatyumze amaqonga enu eziqhumiso; ndiza kubatyakatya ngekrele abantu benu bawe phambi *kwezithixo zenu.

5 Izidumbu zamaSirayeli ndiza kuzifumba phambi kwezithixo zawo, ndize amathambo awo ndiwasarhaze ajikeleze amaqonga enu.

6 Nakuyiphi na indawo enimi kuyo izixeko ziya kutshatyalaliswa, zize iindawo zonqulo eziphakamileyo zidilizwe, khon' ukuze amaqonga enu amadini aqhekezwe, nezithixo zenu zityunyuzwe, namaqonga eziqhumiso achitha-chithwe, zide ziphele tu izinto ebenizenze ngezandla zenu.

7 Abantu baya kugeqwa likrele phakathi kwenu, ukuze niqonde ukuba mna ndinguNdikhoyo.

8 “Kodwa abanye ndiya kubasindisa, kuba bakho abaya kusaba lingabazuzi ikrele ngeli xesha nisarhazwe kwezinye izizwe namazwe.

9 Ke abo bathe bengabathinjwa basinda, baya kukukhumbula ukukhathazeka kwam ngenxa yokungathembeki kwabo, ngokundinikela umva, benqwenela izithixo zabo. Baya kuzizonda ngenxa yobugwenxa babo nangawo onke amanyundululu abo.

10 Baya kundazi ukuba mna ndinguNdikhoyo, andifananga ndabatyityimbisela umnwe ukuba ndiya kubahlisela esi sithwakumbe.

11 “Ithi iNgangalala iNkosi uNdikhoyo: Betha ngesandla sakho, ungqishe ngonyawo, uthi: ‘Yeha!’ ngenxa yamanyundululu endlu kaSirayeli, kuba baya kufa ngekrele, ngendlala, nangobhubhani.

12 Okude uya kufa ngobhubhani; okufutshane uya kufa ngekrele; othe wasinda uya kufa yindlala. Ndiya kwenjenjalo ke xa ndiwukhuphela kubo umsindo wam.

13 Baya kundazi ukuba ndinguNdikhoyo xa bebona izidumbu zâbo bafe ngekrele zidunduluze phakathi kwezithixo namaqonga abo, nakuzo zonke iinduli eziphakamileyo, nasezincotsheni zeentaba, naphantsi kwemithi nemioki – apho babesenzela izithixo zabo iziqhumiso ezivumba limnandi.

14 Ndiya kusolula isandla, umhlaba ndiwubharhise ukusuka ezantsi entlango kuye eDibla kumantla – nditsho kuzo zonke iindawo ezimiwe ngabo. Ewe, baya kundazi ukuba ndinguNdikhoyo.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48