Uhezekile 30 XHO96

Isililo ngeJiputa

1 Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:

2 “Mntundini, shumayela uthi: Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi:“Khala uthi:‘Yehaa loo mini!’

3 Umhla sewusondele,umhla kaNdikhoyo ufikile:umhla wamafu,ithuba lomngciphekoweentlanga.

4 Liya kufika ikrele eJiputa;intlungu iya kugaleleka eKushe.Xa bezizigede ababuleweyo eJiputa,buya kuthinjwa ubutyebi bakhona;ziya kudilizwa iziseko zayo.

5 Ikrele liya kutyakatya eKushe nasePuti,eLudi nakwelama-Arabhu liphela,eKubhi nakubantu bomhlaba womnqophiso,njengokuba lisenza eJiputa.

6 “Uthi uNdikhoyo:Abangecala leJiputa baya koyiswa;amandla ayo eqhayiya aya kuwa phantsi.Baya kutyakatywa ngekreleukusuka eMigidoli kuthi gaa ngeAswan,itsho iNgangalala uNdikhoyo.

7 “IYiputa ndoyitsho ibe bubugxwayiba phakathi kobugxwayiba,izixeko zayo zibe ngamanxuwa njengezinye.

8 Baya kundazi ukuba ndinguNdikhoyo,xa nditshabalalisa iJiputa ngomlilo,ndibaqushe abancedisi bayo.

9 “Ngaloo mini izithunywa zam ziya kuphuma ngeenqanawe ukuya kufaka ivuso eKushe. Baya kukhwankqiswa yintlungu ngomhla wokutshabalala kweJiputa, kuba ngenene uyeza.

10 “Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi:“Ubutyebi baseJiputa ndobuphelisangesandla sikaNebhukadenezare ikumkani yaseBhabheli.

11 Wofika nomkhosi wakhe(umkhosi wesizwe esigonyamelayo)ukuza kutshabalalisa ilizwe.Baya kuyihlasela iJiputa,ilizwe lizale zizidumbu.

12 Imisinga yomlambo iNayile ndiya kuyitsho yome nko,umhlaba ndiwunikezele kumadoda akhohlakeleyo.Ndiya kuthuma abasemzinibawubhukuqe umhlaba nayo yonke into ekuwo.Nditshilo nje mna Ndikhoyo, nditshilo.

13 “Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi:“Ndoyitshitshisa imifanekiso,ndizitshabalalise izithixo zaseMemfisi.Akuyi kubakho nkosi eJiputa;ndiya kulenza lonke ilizwe lithuthumele kukoyika.

14 Ndiya kuyidlakaza iPatros,ndiyifake umlilo iZowan,iThebhesi ndiyohlwaye.

15 Ingqumbo yam ndoyikhuphela ePelusiyo, inqaba yaseJiputa;izihlwele zaseThebhesi ndozinqamla.

16 IJiputa ndoyifaka umlilo;iPelusiyo yosuka ipena-pene,iThebhesi ithinjwe ngesikhawu,yona iMemfisi ihlale ithuthumela.

17 Baya kutyakatywa ngekrele abafana baseOn nabasePibhesete;ziya kuthinjwa zona izixeko.

18 Koba mnyama emini eTapanesi mhla ndayihlabanisela iJiputa;kumhla atshitsha amandla ayo eqhayiya.Iya kugutyungelwa lilifu, mhla zathinjwa iilali zayo.

19 Ewe, iJiputa ndiya kuyohlwaya,ukuze yazi ukuba ndinguNdikhoyo.”

20 Ngosuku lwesixhenxe kwinyanga yokuqala kunyaka weshumi elinanye ndeva ilizwi likaNdikhoyo lisithi:

21 “Mntundini, ndiyaphule ingalo yokumkani waseJiputa. Ayibotshwanga yanyangwa ukuze iphile, yomelele; akakwazi ukuphatha ikrele ngayo.

22 Ke kaloku itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ndiyalwa nokumkani waseJiputa. Ndiza kumvikiva iingalo zombini, le ingekaphuki naleya seyaphukile, khon' ukuze ikrele liwe akuliphatha.

23 Ndiza kuwaswantsulisa amaJiputa, abhacele ezintlangeni.

24 Ndiza kuzomeleza iingalo zokumkani waseBhabheli, ndimxhobise ngekrele lam, kodwa ndiza kuzaphula iingalo zikakumkani waseJiputa, atsho ancwine okomntu ohlatyaniselweyo ephambi kwakhe.

25 Ndiza kuzixhasa iingalo zokumkani waseBhabheli, kodwa yena owaseJiputa uza kuwa iingalo. Baya kwazi ke ngoko ukuba ndinguNdikhoyo, xa sendimxhobisa ukumkani waseBhabheli alityityimbisele elaseJiputa.

26 Ndiya kuwaswantsulisa amaJiputa, abhacele ezintlangeni. Baya kundazi ukuba ndinguNdikhoyo.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48