Uhezekile 34 XHO96

Iigusha nomalusi wazo

1 Ndaliva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:

2 “Mntundini, bakhalimele abelusi bakwaSirayeli; ewe, bakhalimele uthi kubo: Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Yehaa, abelusi bakwaSirayeli abakhathalele iziqu zabo kuphela! Ngaba abelusi àbafanele kwalusa umhlambi na?

3 Nidla ingqaka, nenze izinxibo ngoboya, nixhele ezona zityebileyo, kodwa aninankathalo ngomhlambi.

4 Anizomelezi ezibuthathaka, okanye nizinyange ezigulayo, kungenjalo nizibophe ezenzakeleyo. Anizinqandi eziphambukayo, okanye nizifune ezilahlekileyo. Ndaweni yaloo nto niziphethe gadalala nangenkohlakalo.

5 Ke ngoko zithe saa, kuba zingenaye umalusi, zaba ke njalo zilixhoba lamarhamncwa.

6 Iigusha zam zaya kutsho ezintabeni, zathi xakalala ezindulini zonke. Zathi saa kulo lonke ilizwe, akwabikho mntu ubuzisayo uzifunayo.

7 “Nina ke, belusi, yivani ilizwi likaNdikhoyo:

8 Ndikho nje ndiyafunga, itsho iNgangalala uNdikhoyo, ngenxa yokuba umhlambi wam ungenamalusi, suka wahlaselwa waba lixhoba lawo onke amarhamncwa, nasekubeni abelusi bengazifunanga ezilahlekileyo, kodwa basuke bakhathalela iziqu zabo endaweni yomhlambi wam,

9 ngoko ke, liveni ilizwi likaNdikhoyo, nina belusi:

10 Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ndiyalwa nabelusi, kwaye ndiya kuwubiza kubo owam umhlambi. Ndiza kubagxotha bangabi sawalusa umhlambi wam, ukuze bayeke ukwalusela iziqu zabo. Ndiza kuwuhlangula umhlambi wam, ungabi kukudla kwabo.

11 “Utsho uMhlekazi uNdikhoyo ukuthi: Uyabona, iigusha zam ndiya kuzifuna ngokwam, ndize ndizilondoloze.

12 Njengomalusi olondoloza umhlambi wakhe othe saa, nam ndiya kuzilondoloza iigusha zam. Ndiya kuzihlangula kuzo zonke iindawo ezathi saa kuzo ngomhla wamafu nobumnyama.

13 Ndiya kuzikhupha ezizweni, ndizibuthe emazweni, ndizifake kwelazo ilizwe. Ndiya kuzalusela ezintabeni eziphakamileyo zakwaSirayeli, ezingxingweni, nakuzo zonke izithanga zelizwe.

14 Ndiya kuzalusela emadlelweni aluhlaza; ziya kudla ezintabeni zakwaSirayeli. Ziya kubutha emadlelweni amahle, zidle eyona-yona ngca ezintabeni zakwaSirayeli.

15 Iigusha zam ndiya kuzalusa mna ngokwam, ndiziyeke zetyise, itsho iNkosi uNdikhoyo.

16 Ndiya kuzifuna ezilahlekileyo, ndiziphuthume ezidukileyo. Ndiya kuzibopha ezenzakeleyo, ndizomeleze ezibuthathaka; kodwa ndiya kuzinqamla ezityebileyo nezomeleleyo. Umhlambi ndiya kuwalusa ngobulungisa.

17 “Ke kuni, mhlambi wam, itsho iNgangalala uNdikhoyo: Ndiya kwahlula phakathi kwegusha negusha, ngokunjalo naphakathi kweenkunzi zeegusha nezeebhokhwe.

18 Akwanele na kuni ukudla kumadlelo amahle? Kuyimfuneko na ukuba idlelo eliseleyo nilinyhashe ngeenyawo zenu? Ananeli na kukusela emanzini angcwengileyo? Kungani ukuba amanye niwagxobha-gxobhe ngeenyawo zenu?

19 Nithi umhlambi wam mawutye loo ngca beniyinyhasha, usele loo manzi beniwagxobha-gxobha ngeenyawo zenu?

20 “Ke ngoko itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Jongani, ndim oya kukhetha igusha etyebileyo kwebhityileyo.

21 Kaloku benityhala ngamacala nangamagxa nizingquzula iigusha ezibuthathaka ngeempondo zenu zada zakhwelela.

22 Ke ngoko ndiya kuwuhlangula umhlambi wam, ukuze ungabuye ube lixhoba. Ndiya kwahlula phakathi kwegusha nenye.

23 Ndiya kuzimisela umalusi omnye, isicaka sam uDavide, oya kuzalusa kakuhle.

24 Mna Ndikhoyo ndiya kuba nguThixo wazo; sona isicaka sam uDavide soba yinkosi yazo. Nditshilo nje mna Ndikhoyo, nditshilo.

25 “Ndiya kwenza umnqophiso woxolo nomhlambi wam, ndiwagxothe amarhamncwa ezweni, khon' ukuze iigusha zam zihlale entlango, zilale nasemahlathini, ngaphandle koloyiko.

26 Ndiya kuzithamsanqelisa kunye nako konke okujikeleze induli yam. Ndiya kunisa imvula ngexesha layo; kuya kuna iimvula zentsikelelo.

27 Imithi emasimini iya kuba neziqhamo; amasimi aya kuvelisa isivuno; bona abantu bakuziva bengenalo uloyiko elizweni labo. Baya kuqonda ukuba ndinguNdikhoyo, mhlenikwezeni ndayophula idyokhwe abayithweleyo, ndabahlangula kwabo bebengamakhoboka abo.

28 Abayi kuphinda babe lixhoba lezizwe nesisulu sokuqwengwa ngamarhamncwa. Baya kuhlala bekhuselekile, bengoyikiswa mntu.

29 Ndiya kubanika umhlaba odume ngokuchuma, bayeke ukuba lixhoba lendlala kwelakowabo nokudelwa zezinye izizwe.

30 Baya kutsho baqonde ukuba mna Ndikhoyo Thixo wabo, ndingakubo, baqonde ukuba nabo ndlu kaSirayeli bangabantu bam, itsho iNkosi uNdikhoyo.

31 Nina zigusha zam, zigusha zedlelo lam, ningabantu; nam ndinguThixo wenu; itsho iNgangalala uNdikhoyo.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48