Uhezekile 32 XHO96

Ukulilela ukumkani waseJiputa

1 Ngomhla wokuqala wenyanga yeshumi elinambini yonyaka weshumi elinambini ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:

2 “Mntundini, yitsho isililo ngokumkani waseJiputa, uthi kuye:“Kuphelile kuwe, ngonyama yezizwe!Unjengegongqongqo elwandlexa uzibhija-bhija kuloo mlambo wakhouwagxobha-gxobha amanzi ngezo nyawo zakho,atsho amdaka amanzi emlanjeni.

3 Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi:Ndiza kuza nesihlwele sabantu,ndikubambise ngomnatha,baze bakurhole ngawo.

4 Ndiya kukuphosa emhlabeni,ndikugibisele elubala.Iintaka ziya kuhlala phezu kwakho;zonke izilwanyana zehlabathi ziya kukwenza ixhwayelo.

5 Ndiya kuyisasaza ezintabeni inyama yakho;iintlambo ziya kuzala ngamaxhwayelo akho.

6 Igazi lakho liya kuqukuqelalizalise ilizwe kude kuye ezintabeni;inyama yakho iya kuzalisa zonke iingxingwa.

7 Xa ndikucima igama,ndiya kuligquma izulu,ndizigubungele iinkwenkwezi.Ilanga ndiya kulisitha ngelifu;inyanga ayisayi kukhanya.

8 Phezu kwakho ndiya kukucima ukukhanya kwezulu,ndihlise ubumnyama phezu kwelizwe,itsho iNgangalala uNdikhoyo.

9 “Intlaninge yezizwe yosuka ikhathazekezakuva ngokutshatyalaliswa kwakho,nditsho namazwe ongazange uwazi.

10 Ndiya kukwenza ube nomdintsi ezizweni;iikumkani ziya kuba namanwele ngenxa yakho,xa ikrele lam limenyezela zijongile.Mhla waphelelwa ziya kuthuthumela zonke;zovakala zisithi: ‘Sosinda kanjani thina?’

11 “Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi:“Liza kungena kuwe ikrele lekumkani yaseBhabheli.

12 Ndiya kwenza ukuba izihlwele zakhozityakatywe ngekrele lamadoda azizigantsontso –ezona zikhohlakali zikhoyo.Aya kulitshitshisa ikratshi laseJiputa,zitshatyalaliswe ezo zihlwele.

13 Imihlambi yeenkomo ngakwezo zatyhwentywe zamanzindiya kutsho ife tu.Kuzo akusayi kuphinde kugxobhe nyawo lwamntu nanqina lankomo.

14 Osuka angcwenge amanzi,imilambo iqukuqele ngathi ngamafutha omnquma,itsho iNgangalala uNdikhoyo.

15 Xa ndiyibharhisayo iJiputakube sebugxwayibeni kanye,xa ndibhubhisa konke khona,baya kundazi ukuba ndinguNdikhoyo.

16 “Esi sililo siya kwenzelwa yona. Siya kwenziwa ziintombi zezizwe, sisenzelwa iJiputa nezihlwele zayo, itsho iNgangalala uNdikhoyo.”

17 Ngomhla weshumi elinesihlanu enyangeni, kunyaka weshumi elinambini, ndeva ilizwi likaNdikhoyo lisithi:

18 “Mntundini, zenzele isijwili izihlwele zaseJiputa, uzithobele phantsi komhlaba kunye nezizwe ezinamandla, behle bangene kwelabafileyo kunye nâbo bangena khona.

19 Yithi kubo: ‘Ngaba nina niyalungiselelwa kunabanye? Yihlani niye kulala phakathi kwabangalukanga.’

20 Baya kuwa nâbo babulewe ngekrele. Ikrele lithiwe rhuthu esingxotyeni salo; iJiputa mayirhuqwe imke kunye nezihlwele zayo.

21 Kwelabafileyo iingangalala zeenkokheli ziya kuthetha ngeJiputa namahlakani ayo, zithi: ‘Behla baza kulala nabangalukanga, abo babulewe ngekrele.’

22 “Ilapho iAsiriya kunye nomkhosi wayo wonke; urhangqwe ngamangcwaba abantu bayo bonke ababuleweyo, bebulawa ngekrele.

23 Amangcwaba abo asezantsi kwelabafileyo; arhangqwe zizidumbu zomkhosi wayo. Bonke abahlwayela ivuso elizweni labaphilayo batyakatyiwe babulawa ngekrele.

24 “Ilapho iElam; ingcwaba layo lirhangqwe zizihlwele zayo. Bonke batyakatywe ngekrele. Bonke abatyala ivuso elizweni labaphilayo baye kulala ngaphantsi komhlaba kunye nabangalukanga. Bathwele ihlazo kunye nâbo behlayo bengena kwelabafileyo.

25 IElam yenzelwe umandlalo phakathi kwezidumbu zababuleweyo, ingcwaba layo lirhangqwe zizihlwele zayo. Bonke bafe ngekrele bengalukanga. Ngenxa yevuso labo kwilizwe labaphilayo balithwele ihlazo kunye nâbo bahlela kwelabafileyo. Balele nababuleweyo.

26 “Balapho ooMesheki nooTubhali; amangcwaba abo angqongwe zizihlwele zabo. Bonke abolukanga, batyakatywe ngekrele kuba ilizwe labaphilayo bebeliphethele ngoqhushululu.

27 Balele ndawonye namanye amajoni angalukanga angcwatywe kunye nezikhali zawo zokulwa, enze ngazo umqamelo. Isohlwayo sezono zawo naso emathanjeni abo. Kaloku ivuso lawo laligqiba lonke ilizwe labaphilayo.

28 “Nawe nkqu, kumkani waseJiputa, uza kunqanyulwa ungcwatywe nabangalukanga, ababulewe ngekrele.

29 “Ilapho iEdom, iikumkani neenkosana zayo; nakuba zingamakroti zilele nâbo bafe ngekrele. Bangcwatywe ndawonye nabangalukanga, abo bahlele kwelabafileyo.

30 “Zilapho iinkosana zasentla nawo onke amaSidon; awe kunye nabatyakatyelwe ehlazweni, nakuba ubunganga babo bubabanga ivuso. Balele apho bengalukanga, kunye nâbo bafe ngekrele; bathwele ihlazo labo kunye nâbo bahlele kwelabafileyo.

31 “Ukumkani waseJiputa uya kubabona, aze axole ngenxa yomkhosi wakhe wonke owatyakatywa ngekrele, itsho iNkosi uNdikhoyo.

32 Nakuba ndamenza wadala uloyiko ezweni labaphilayo ukumkani waseJiputa nezihlwele zakhe baya kuhlala engcwabeni kunye nabangalukanga, abo babulewe ngekrele, itsho iNgangalala uNdikhoyo.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48