1 “Yitsho ngesililo ngenxa yeenkosi zakwaSirayeli,
2 uthi:“ ‘Unyoko wayeyingonyama phakathi kweengonyama!Ubebuthuma phakathi kwamathole eengonyama,esanyisa amathole akhe.
3 Walondla lakhula elinye ithol' iduna,languxholovane wengonyama.Yafund' ukudlavuz' ixhoba,yawathi nqwam-nqwam amadoda.
4 Yaduma ezizweni,bayombela umgibe, yabanjiswa.Bayirhola ngamagwegwe,baya nayo eJiputa.
5 “ ‘Akuphela amathemba kunina,lakuba iqhayiya lakhe limkile,wathabatha elinye kumathole akhe,walenza uxholovane wengonyama.
6 Yanyalasa phakathi kweengonyama,kuba kaloku yayisisigantsontso sengonyama;yafunda ukudlavuza amaxhobanokuwathi nqwam-nqwam amadoda.
7 Yangena ezililini zawo,yenza iziqwenga ezixekweni.Yaduma larhwaqela lonke ilizwekwanabo bangabemi balo.
8 Zayivukela izizwe,nabantu bemimandla esondeleyo;bayithiyela ngezabatha,yabhajiswa emgibeni wabo.
9 Bayirhola ngamagwegwe, bayifaka ehokweni;beza nayo kukumkani waseBhabheli,yavalelwa entolongweni.Awabe uphinde uviwe umgqumo wayo kwiintaba zakwaSirayeli.
10 “ ‘Unyoko ubenjengomdiliya okuvelisileyo,otyalwe kufuphi namanzi,uqhamile uyokozela amasebekuba emaninzi amanzi.
11 Ebomelele amasebe awo,efanele intonga yabalawuli.Ubumde, ubuvelele utyani,ubalasele ngobude nangamasebe ashinyeneyo.
12 Ngomsindo wancothulwa,wawiswa phantsi emhlabeni;wabuna lulophu,zavuthuluka iziqhamo;loma isebe elomeleleyo,labaswa emlilweni.
13 Kungokunje utyalwe entlango,kumhlaba owome nko.
14 Umlilo wanwenwela kwelinye lamasebe awo,zatsha iziqhamo.Akusekho sebe lomeleleyoelifanele intonga yabalawuli.’“Sisililo esi; masibe sisililo ke.”