Uhezekile 19 XHO96

Ukulilela iinkosi zakwaSirayeli

1 “Yitsho ngesililo ngenxa yeenkosi zakwaSirayeli,

2 uthi:“ ‘Unyoko wayeyingonyama phakathi kweengonyama!Ubebuthuma phakathi kwamathole eengonyama,esanyisa amathole akhe.

3 Walondla lakhula elinye ithol' iduna,languxholovane wengonyama.Yafund' ukudlavuz' ixhoba,yawathi nqwam-nqwam amadoda.

4 Yaduma ezizweni,bayombela umgibe, yabanjiswa.Bayirhola ngamagwegwe,baya nayo eJiputa.

5 “ ‘Akuphela amathemba kunina,lakuba iqhayiya lakhe limkile,wathabatha elinye kumathole akhe,walenza uxholovane wengonyama.

6 Yanyalasa phakathi kweengonyama,kuba kaloku yayisisigantsontso sengonyama;yafunda ukudlavuza amaxhobanokuwathi nqwam-nqwam amadoda.

7 Yangena ezililini zawo,yenza iziqwenga ezixekweni.Yaduma larhwaqela lonke ilizwekwanabo bangabemi balo.

8 Zayivukela izizwe,nabantu bemimandla esondeleyo;bayithiyela ngezabatha,yabhajiswa emgibeni wabo.

9 Bayirhola ngamagwegwe, bayifaka ehokweni;beza nayo kukumkani waseBhabheli,yavalelwa entolongweni.Awabe uphinde uviwe umgqumo wayo kwiintaba zakwaSirayeli.

10 “ ‘Unyoko ubenjengomdiliya okuvelisileyo,otyalwe kufuphi namanzi,uqhamile uyokozela amasebekuba emaninzi amanzi.

11 Ebomelele amasebe awo,efanele intonga yabalawuli.Ubumde, ubuvelele utyani,ubalasele ngobude nangamasebe ashinyeneyo.

12 Ngomsindo wancothulwa,wawiswa phantsi emhlabeni;wabuna lulophu,zavuthuluka iziqhamo;loma isebe elomeleleyo,labaswa emlilweni.

13 Kungokunje utyalwe entlango,kumhlaba owome nko.

14 Umlilo wanwenwela kwelinye lamasebe awo,zatsha iziqhamo.Akusekho sebe lomeleleyoelifanele intonga yabalawuli.’“Sisililo esi; masibe sisililo ke.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48