Uhezekile 22 XHO96

Izono zeJerusalem

1 Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:

2 “Mntundini, sigwebe, ewe, sigwebe esi sixeko siphalaza igazi! Sixelele zonke izenzo zaso ezinezothe,

3 uthi: Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Yeha, sixekondini esizibizela intshabalalo ngegazi eliphalazwa phakathi kuso nesizigqwalisa *ngezithixo eziqingqiweyo,

4 unetyala ngenxa yegazi oliphalazileyo, wazigqwalisa ngezithixo oziqingqileyo. Iintsuku zakho zifezekile, nesiphelo seminyaka yakho sesisondele. Ngako oko ndiza kukwenza into ephoxekileyo phakathi kweentlanga, ube yintlekisa emazweni onke.

5 Uya kuphoxwa ngabakufutshane nabakude, sixekondini esidume kakubi, nesizele luqhushululu.

6 “Khangela iinkosi zakwaSirayeli ezihlala kuwe zisebenzisa amagunya azo ukuze ziphalaze igazi.

7 Kuwe, Jerusalem, abantwana ababenzeli imbeko ooyise noonina. Bayacinezelwa abangeneleli; ziphathwa kakubi iinkedama nabahlolokazi.

8 Zideliwe izinto ezinikelwe kum, yaxajelwa *iMihla yam yokuPhumla.

9 Apho kuwe kunyakazela amadoda anolwimi, azimisele ukuphalaza igazi; apho kuwe kuhlala abantu abadla kwizibingelelo zasezintabeni, benze neentlondi.

10 Apho kuwe kuhlala amadoda alala nabafazi booyise, alala nabafazi abasexesheni, benomlaza ke ngoko.

11 Apho kuwe kuhlala amadoda alala nabafazi babamelwane, noomolokazana bawo, noodade bawo ngokooyise.

12 Apho kuwe kukho amadoda athengwayo ukuba abulale; kukho abadlela abanye ngokubabiza ingeniselo egqithileyo abamelwane ababolekise ngemali kubo. Mna undilibele, itsho iNkosi uNdikhoyo.

13 “Ngokwenene mna ndiya khamnqa ngenxa yengeniselo yakho yobuqhetseba nokuphalaza kwakho igazi.

14 Ngaba uya kuba naso na isibindi kwanamandla mhla sahlangana? Nditshilo nje mna Ndikhoyo nditshilo, ndiya kuyenza loo nto.

15 Ndiya kukusarhaza phakathi kweentlanga, utsho uphalale kwamanye amazwe; kunjalo nje ndiza kuwuphelisa umlaza onawo.

16 Zakukubona uxabhelekile ezinye izizwe uya kutsho uqonde ukuba ndinguNdikhoyo.”

Iziko likaThixo lokunyibilikisa

17 Ndeva ilizwi likaNdikhoyo lisithi:

18 “Mntundini, indlu kaSirayeli xa iyonke kum seyinjengentlenge yobhedu, nenkcenkce, nesinyithi, nelothe. Ewe, injengentlenge yesiliva esele kwiziko lokunyibilikisa.

19 Ke ngoko itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Njengoko niyintlenge ndiza kunibutha nonke, ndinibuthele eJerusalem.

20 Ndiya kuxelisa amadoda xa ebutha isiliva, nobhedu, nesinyithi, nelothe, nenkcenkce, aze aziphose kwiziko lokunyibilikisa, awuvuthele umlilo. Nam emsindweni wam nakwingqumbo yam ndiya kuniphosa esixekweni, ndininyibilikise.

21 Ndiya kunibutha ndinivuthele ngomsindo wam ovuthayo, ninyibilikele eJerusalem.

22 Niya kunyibilikela kuyo nixele isiliva inyibilikela eziko. Xa kunjalo ke niya kwazi ukuba mna Ndikhoyo ndiwukhuphele kuni umsindo wam.”

Ubutyala beenkokheli

23 Kwakhona ndeva ilizwi likaNdikhoyo lisithi:

24 “Mntundini, yithi kweli lizwe: ‘Ungumhlaba ongafumananga zimvula namikhwitsho ngexesha lengqumbo.’

25 Kukho iyelenqe leenkosana zawo elifana noburhalarhume bengonyama egqumayo, iqwenga ixhoba. Ziyabaqwenga abantu, zibaphanga izinto zabo zexabiso, zitsho ilizwe lazala ngabahlolokazi.

26 Ababingeleli balo mhlaba bayawugqwetha umthetho wam; bayazixabhela izinto ezinikelwe kum; abahluli phakathi kwento eyodwa nento nje; abawucacisi umahluko phakathi kwento enomlaza nenyulu; abakukhathalele ukuhlonitshwa *koMhla woPhumlo; ngoko nditsho ndanyeliseka phakathi kwabo.

27 Amagosa alo mhlaba anjengeengcuka eziqwenga amaxhoba: aphalaza igazi, abulale abantu, asekeleze inzuzo yobutshijolo.

28 Ezi zenzo abashumayeli bazihombisa ngemibono engeyonyani nangezihlabo zobuxoki, besithi: ‘Itsho iNkosi uNdikhoyo,’ abe uNdikhoyo engakhange athethe.

29 Abantu balo mhlaba bayabaxhaphaza abanye; bayabakhuthuza nokubakhuthuza; bayawacinezela amahlwempu neembedlenge; bayabadlakathisa abangeneleli, babaphathe ngokungekho mthethweni.

30 “Ndafuna phakathi kwabo indoda yokwakha udonga, ize ime esikrobeni phambi kwam, imele ilizwe, ukuze mna ndingalitshabalalisi; kodwa andiyifumani.

31 Ngoko ke ndiza kuyikhuphela kubo ingqumbo yam, ndibatshabalalise ngobushushu bomsindo wam, bavune loo nto bayihlwayeleyo, itsho iNgangalala uNdikhoyo.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48