Uhezekile 43 XHO96

UNdikhoyo ubuyela kwindlu yakhe

1 Le ndoda yandisa kwisango elijonge empumalanga,

2 ndaza ndabubona ubuqaqawuli bukaThixo kaSirayeli buvela ngasempumalanga. Ilizwi lakhe langa ngumgqumo womsinga wamanzi, waza umhlaba wakhanya bubuqaqawuli bakhe.

3 Umbono endawubonayo nqwa nalowo ndawubonayo mhlenikwezeni wayeze kutshabalalisa isixeko, kwanaloo mibono ndayibonayo phezu komlambo iKebhare, ndaza ke mna ndalala tywaa ndifihla ubuso.

4 Ubuqaqawuli *bukaNdikhoyo bangena endlwini kaThixo ngesango elijonge empumalanga.

5 UMoya wandifunqula wandibeka kwintendelezo ephakathi, yaza indlu kaThixo yazala bubuqaqawuli bukaNdikhoyo.

6 Isemi ngakum indoda leyo, ndeva kukho umntu esendlwini kaThixo ebhekisa kum,

7 wathi: “Mntundini, le yindawo yesihlalo sam nendawo endibeka kuyo iinyawo zam. Kulapha apho ndiza kuhlala khona phakathi kwamaSirayeli ngonaphakade. Indlu kaSirayeli ayisokuze iphinde ilixabhele igama lam elilodwa – nditsho wona neekumkani zawo – ngobuhenyukazi bawo nangokwenza iindawo eziphakamileyo zokungcwaba izidumbu zookumkani.

8 Athi akuyibeka imigubasi yawo ngakweyam, nemigubasi yeengcango zawo ngakweyeengcango zam, saza sahlulwa nje ludonga, alinyelisa igama lam ngezenzo zawo ezimanyumnyezi. Ke mna ndawatshabalalisa ndisemsindweni.

9 Ke ngoku amaSirayeli makabushenxise phambi kwam ubuhenyukazi bawo kwanezidumbu zookumkani bawo, ndize ke mna ndihlale phakathi kwawo ngonaphakade.

10 “Mntundini, bachazele ngendlu kaThixo abantu bakwaSirayeli, khon' ukuze bazidanele izono zabo. Mabayiqwalasele iplani yendlu yam,

11 ukuze kuthi ukuba bazidanele izono zabo ubazise ngeplani yendlu kaThixo – ukuma kwayo amasango okungena nawokuphuma, nabo bonke ubucukubhede beplani, kwanayo yonke imimiselo nemithetho yayo. Uze ezi zinto uzibhale phambi kwabo, ukuze banyaniseke eplanini, baqhube ngokwemimiselo yayo.

12 “Nangu ke umthetho wendlu kaThixo: yonke inkundla nommandla wayo phaya phezu kwentaba yoba yindawo yam ekhethekileyo. Unjalo umthetho wendlu kaThixo.”

Iqonga lamadini

13 “Nangu umlinganiselo weqonga lamadini ngokomlinganiselo ekulinganiselwa ngawo endlwini kaThixo: umjelo walo sisiqingatha semitha ubunzulu kwanobubanzi, unomqukumbelo oziisentimitha ezisibhozo. Naku ukuphakama kweqonga:

14 ukusuka phantsi kumjelo kuye kumphetho ongezantsi umphakamo yimitha, ububanzi bona sisiqingatha semitha, ukusuka kumphetho omncinane kuye komkhulu umphakamo ziimitha ezimbini, ububanzi bona bube kwasisiqingatha semitha.

15 Umphakamo weziko leqonga ziimitha ezimbini, kuze apho eziko kubekho iimpondo ezine ezijonge phezulu.

16 Iziko leqonga linamacala alinganayo; icala ngalinye lisisithandathu seemitha.

17 Umphetho ongentla nawo unamacala alinganayo, uziimitha ezisisixhenxe ubude nobubanzi, unomqukumbelo oziisentimitha ezingamashumi amabini anantlanu, waza wajikelezwa ngumjelo osisiqingatha semitha. Izinyuko zeqonga zijonge empumalanga.”

18 Waza wathi kum: “Mntundini, itsho iNkosi *uNdikhoyo ukuthi: Nantsi imigaqo yedini elitshiswayo nokutshizwa kwegazi eqongeni xa selakhiwe.

19 Uya kunikezela kubabingeleli abangabaLevi bendlu kaZadoki (bona banako ukuma phambi kwam bandikhonze) ngenkunzi eselula yenkomo ibe lidini lokungxengxezela isono, utsho uNdikhoyo iNkosi.

20 Uya kuthatha inxalenye yegazi layo uliqabe kwiimpondo zone zeqonga nakwiimbombo zone zomphetho ongentla nakulo lonke ungqameko, ube ke ngokwenjenjalo uhlambulula iqonga ulingxengxezela.

21 Uya kuthatha inkunzi yedini lokungxengxezela isono uyitshisele kwindawo emiselwe loo nto endlwini kaThixo, kodwa ibe ngaphandle kwesibingelelo.

22 “Ngosuku lwesibini uya kunikela ngenkunzi yebhokhwe engenasiphako ibe lidini lokungxengxezela isono. Iqonga lohlanjululwa njengoko bekwenziwe ngenkunzi yenkomo.

23 Lakuba lihlanjululwe iqonga uya kunikela ngenkunzi yenkomo eselula nenkunzi yegusha ephuma emhlambini. Zombini ke zingabi nasiphako.

24 Uya kuzinikela phambi kukaNdikhoyo, baze ababingeleli basasaze ityuwa kuzo, zibe lidini likaNdikhoyo elitshiswayo.

25 “Uya kugqiba iintsuku ezisixhenxe unikela ngenkunzi yebhokhwe ngelanga, ibe lidini lesono; uya kukhupha nenkunzi yenkomo eselula kwanenkunzi yebhokhwe emhlambini, zombini zingabi nasiphako.

26 Uya kuthatha iintsuku ezisixhenxe ucamagushela iqonga ulihlambulula; ngokwenjenje ke liya kuba liyanikezelwa.

27 Emva kwezi ntsuku, oko kukuthi ukusuka kusuku lwesibhozo, amadini atshiswayo neminikelo yobudlelane yenu iya kunikelwa ngababingeleli kweli qonga. Ngale ndlela ke niya kwamkeleka kum, itsho iNgangalala uNdikhoyo.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48