1 lisithi: “Mntundini, vuka ume ngeenyawo, ukuze ndithethe nawe.”
2 Uthe esathetha njalo ndangenwa nguMoya owasuka wandiphakamisa ndema ngeenyawo, ndaza ndamva ebhekisa kum,
3 esithi: “Mntundini, ndikuthuma kumaSirayeli, isizwe sabavukeli esindivukeleyo; wona nooyise andivukele kwada kwanamhlanje.
4 Aba bantu ndikuthuma kubo bayadelela, banenkani. Yithi kubo: ‘Itsho iNgangala *enguNdikhoyo: ...’
5 Ewe, uze utsho nokuba bayaphulaphula, okanye abaphulaphuli. Kaloku bayadelela. Kambe ke baya kuqonda ukuba kufike *umshumayeli phakathi kwabo.
6 Wena ke, mntundini, uze ungaboyiki, neentetho zabo ungazoyiki. Maze ungoyiki naxa uphakathi korhalajana nobobo. Naxa sewuhlala nabanjengoonomadudwane uze ungoyikiswa zizinto abazithethayo nazizigrogriso zabo, kuba basisizwe esinenkani.
7 Uze uluxele udaba lwam kubo nokuba bayakuphulaphula okanye abaphulaphuli, kuba kaloku bangabavukeli.
8 Wena ke, mntundini, phulaphula endikuxelela kona. Ungandivukeli uxele esi sizwe sabavukeli; vula umlomo wakho, utye endikunika kona.”
9 Ndathi ndakujonga ndabona isandla solulelwe ngakum. Sasiphethe incwadi esongwayo,
10 saza ke sayicombulula phambi kwam. Macala omabini kwakubhalwe amazwi asisikhalo nesijwili nesingqala.