Uhezekile 28 XHO96

Udaba olukhaba ikumkani yaseTire

1 Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:

2 “Mntundini, yithi kumlawuli waseTire: Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi:“Ikratshi lakho litsho uthi: ‘Ndinguthixo;ndihlala esikhundleni soothixo enzonzobileni yolwandle.’Kodwa ungumntu, akungothixo,nokuba wena uzicingela ukuba unguthixo.

3 Ngaba ulumke ngaphezu koDaneli?Akukho nto ifihlakeleyo kuwe?

4 Ubulumko bakho nolwazi lwakho lukwenze waba nobutyebi;oovimba bakho bazele yigolide nesiliva.

5 Ubuchule bakho ngorhwebo bukwenze wasisityebi,yaza loo nto yakubangela ikratshi.

6 “Ke ngoko ithi iNkosi uNdikhoyo:“Ngenxa yokuba uzicingela ukuba unguthixo,

7 ndiza kukuthumela ngabasemzini,ezona zizwe zinoburhalarhume.Ziya kubugqutha-gqutha ngekrele ubuhle nobulumko bakho,zibuxabhele ubuqaqawuli bakho.

8 Ziya kukutshonisa emhadini.Apho enzonzobileni yolwandle uya kubulawa ngezikhali.

9 Uya kuba satsho ukuthi: ‘Ndinguthixo,’xa sewuhlangene nâbo bakubulalayo?Uya kuba ngumntu, ungabi nguthixo,xa usezandleni zabakugwintayo.

10 Uya kufa njengodelekileyo,sewuphethwe ngabasemzini.“Nditshilo nje, nditshilo,itsho iNkosi uNdikhoyo.”

11 Ndeva ilizwi likaNdikhoyo lisithi:

12 “Mntundini, yitsho isililo ngokumkani waseTire, uthi kuye: Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi:“Ubungumzekelo wemfezeko,usisilumko, ufezekile ngobuhle.

13 UbuseIdeni, isitiya sikaThixo.Ubuhombe ngawo onke amatye anqabileyo:irubhi, itopazi, ne-emeraldi;ikrisolite, ionirhe, nejaspa,isafire, itekoyisi, nebherile.Ebegqagqele egolideni;alungiswa kwamhla wadalwa.

14 Wathanjiswa *okwesithunywa esimaphiko esilondolozayo,kuba ndakumisela njalo.Ubuhleli entabeni eyodwa kaThixo;ubuhamba-hamba phakathi kwamatye abomvu ngumlilo.

15 Ukususela kumhla wadalwa wawunesimo esisulungekileyo,suka waba lixhoba lenkohlakalo.

16 Urhwebo lwakho olugqibe lonke ilizwelwakwenza waba sisikrelemnqa wada wona.Ke mna ndakugxotha entabeni kaThixo,waza wahlazeka.Ewe, ndakugxotha, wena sithunywa esimaphiko,wemka kuloo matye abomvu ngumlilo.

17 Wasuka wangenwa likratshi ngenxa yobuhle;bade bonakala nobulumko bakho,ngenxa yokuziqhayisa ngobunzwakazi.Ndaza ke mna ndakubhuqa-bhuqa emhlabeni,ndakwenza intlekisa yeekumkani.

18 Uzixabhele izibingelelo zakho ngenkitha yezono zakhonokurhweba ngamaqhetseba.Ke mna ndakwenza wavutha,watsho waba luthuthu emhlabeni,kubukelwe ngababoneli.

19 Zonke izizwe ebezikwazi zikhwankqisiwe nguwe.Usuke wasisoyikiso;kaloku awusoze uphinde uvuke.”

Udaba olukhaba Sidon

20 Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:

21 “Mntundini, bhekisa kwiSidon, uyikhalimele

22 uthi: Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi:“Ndiyalwa nawe, Sidon.Udumo lwam ndolubonakalisa ngawe.Abantu baya kwazi ukuba ndinguNdikhoyoxa ndiyohlwaya iSidon,ndibonisa ubungcwele bam ngayo.

23 Ndiya kuyithumela ngobhubhani,nditsho izitalato zayo zibaleke igazi;iya kuzala zizidumbu zabafe ngekrele,ikrele eliya kuvela macalana onke.Baya kundazi ukuba ndinguNdikhoyo.

24 “Abantu bakwaSirayeli baya kuyeka ukuba nabamelwane abahlekisayo ngabo, abahlaba njengohlololwane neengcangula zameva. Baya kwazi ukuba mna ndiyiNkosi uNdikhoyo.

25 “Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Xa ndibabutha abantu bakwaSirayeli kwezo zizwe babebhacele kuzo, ndiya kuzityhila kubo phambi kwezizwe, bandazi ukuba ndinguThixo oyedwa. Baya kuhlala ezweni labo endandilinike isicaka sam uYakobi.

26 Baya kuhlala apho bekhuselekile, baze bakhe izindlu, batyale nezidiliya. Baya kuba bekhuselekile xa mna ndisohlwaya abamelwane babo ababehlekisa ngabo. Baya kwazi ukuba ndinguNdikhoyo uThixo wabo.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48