Uhezekile 5 XHO96

UHezekile uzigugula iinwele neendevu

1 Wathi kum *uNdikhoyo: “Ngoko ke, mntundini, thatha ikrele elibukhali, ususe ngalo iinwele zakho neendevu zakho ngokungathi liyimela yokugugula. Uze uthathe isikali, wenze imilinganiso ngemilinganiso yeenwele ezo.

2 Kuya kuthi zakuphela iintsuku zorhangqo usitshise ngomlilo isithathu seenwele phakathi esixekweni; esinye isithathu ujikeleze naso ngaphandle kwesixeko, uhambe usinqunqa ngekrele; esokugqibela usilahle simke nomoya. Kaloku ndiya kuwaleqa ndiqhiwulé ikrele lam.

3 Uze ushiye iinwele ezimbalwa, uzifihle emgobeni wengubo yakho.

4 Uze uthathe zibe mbalwa kwezi, uziphose emlilweni zitshe. Umlilo uya kuqala apho, unwenwele kuyo yonke indlu kaSirayeli.”

5 Ithi iNkosi uNdikhoyo: “Le yiJerusalem endiyibeke phakathi kweentlanga, yaza yarhangqwa ngamazwe.

6 Kodwa ngenxa yenkohlakalo yayo iyivukele imithetho nemimiselo yam nangaphezu kweentlanga namazwe ayirhangqileyo. Iyibukule imithetho yam, yayityeshela imimiselo yam.

7 “Ngako oko ithi iNkosi uNdikhoyo: ‘Ube nobutshijolo ngaphezu kweentlanga ezikurhangqileyo, waza wayityeshela imimiselo yam, akwayithobela imithetho yam. Uyalabalaba nakumgangatho weentlanga ezikurhangqileyo.’ ”

8 Yaqhuba iNgangalala iNkosi uNdikhoyo yathi: “Ke ngoko mna ngokwam ndiyalwa nawe, Jerusalem, ndaye ndiza kukohlwaya iintlanga zijongile.

9 Ngenxa yamasikizi owenzileyo, kuwe ndiza kwenza into endingazange ndayenza ngaphambili, endingayi khuphinda ndiyenze nanini na.

10 Ewe, kuwe ooyise baya kudla abantwana babo, abantwana badle ooyise. Ndiya kukohlwaya, ndize amasalela ndiwasarhaze emoyeni.

11 Mna ngokwam ndiyafunga, itsho iNkosi uNdikhoyo, njengokuba ungcolise isibingelelo sam esingcwele ngezithixo zakho ezinezothe nangezenzo zakho ezingamasikizi, ndiza kuzirhoxisa iimfefe zam kuwe; andiyi kuba naluvelwano.

12 Isahlulo sesithathu sabantu bakho siya kufa ngubhubhani okanye sitshabalale yindlala phambi kwakho; esinye isithathu siya kubulawa ngekrele ngaphandle kweendonga zesixeko; esokugqibela isithathu ndiya kusisarhaza emoyeni, ndisileqe ndiqhiwulé ikrele lam.

13 “Emva koko ke uya kuphela umsindo kum, nokuqumba kuthothe, kuba ndiya kuba ndiziphindezele. Xa ingqumbo yam ndiyikhuphele kubo baya kwazi ukuba mna Ndikhoyo ndithethile ndiqhutywa likhwele lam.

14 “Ndiya kukwenza ube ngophaleleyo nesigculelo seentlanga ophakathi kwazo kwanâbo badlula ngendlela.

15 Uya kuba ngumqondiso osisigculelo nentlekisa nesikizi kwabo uhleli phakathi kwabo, xa ndikohlwaya ngomsindo nangengqumbo, ndikukhalimela kabukhali. Mna Ndikhoyo ndithethile.

16 Iintolo zam endinitshabalalisa ngazo yindlala. Ewe, ndiya kuyandisa indlala kuni ngokuvala ningakuzuzi ukudla.

17 Ndiya kunithumela ngendlala namarhamncwa, nize nisale ningenabantwana. Niya kuba sisisulu sikabhubhani nokuphalala kwegazi, kuba ndiya kulithumela kuni ikrele. Mna Ndikhoyo ndithethile.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48